Bayalunyukiswa abakhweli ababetha ubhontsi
15 ISilimela 2023 – Monwabisi Khininda
Tsolo
Uthathelwe yonke into abeyiphethe obekhwele isithuthi esiluhlobo lwe-VW Polo ayikhwele kuTsolo Junction esingise eMthatha ngalentseni yanamhlanje (ngoMvulo).Isothukile indodanebikhwele esi sithuthi nesingena nombolo-mbhalo eleqa eMthatha.
Izityholo zidiza ukuba le Polo iye yamisa ngakwa Dan’s Country Lodge apho bakhombe le ndoda ngomkhono wekati bamthathela yonke into abeyiphethe ugqiba kwabo bamshiya apho esithubeni engazazi nokuba angabhadulela kweliphi icala.Le ndoda izamile ukumisa ezinye izithuthi icenga ukukhweliswa mahala ukuze ifikelele emepoliseni.Ilufumene uncedo yehla kwisikhululo samapolisa sakuTsolo apho ifike yamangala ngesi sehlo sayo.
Ifumanise ukuba akangowokuqala ozokudakanca ityala elikumila kunje.Abakwantsasana kuTsolo bangqinile ukuba kukho ikhehle ebelisika kwesi sikhululo naye ezokumangala ekwatyhola lePolo engenanombolo mbhalo.Kuyalunyukiswa kubahlali bakuQumbu,Tsolo naseMthatha bangakhweli noba kuphi,baqaphele nalePolo .
AmaPolisa wakuTsolo ayathembisa ukusebenza ngokubambisana noluntu ekufumaneni ababarhanelwa ngokukhawuleza.

