Crime & SafetyLocalNews

Zimbi indaba eTholeni ngokusweleka konini nabantwana

10 August 2023 – Anele Raziya

ETHOLENI

Indawo yaseTholeni engekudanga kwidolophu yaseGcuwa eMnquma, iphinde yangundabamlonyeni ngenxa yokubulawa kwabantu.

NgeCawe (izolo) kufunyenwe owasetyhini kunye nabantwana bakhe abathathu beduduluzile bebhubhile kumzi wakhe.

Ingxelo ithi uBongeka Buso (38) ufunyenwe ejinga phezulu kwindlu engurontawuli kukho intambo entanyeni yakhe, abantwana bakhe uOrabile Buso (8), Oratile Buso (5) bafunyenwe ebhedini bebhubhile logama Anathi Buso (14) efunyenwe elele phantsi yena kukho imela entanyeni yakhe.

Konke oku kubonwe ngumelwane obeyokukroba uBongeka Buso ngeCawa kusasa.

Umkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uLt Gen uNomthetheleli Mene uthe wothuke sesiganeko ingakumbi kwinyanga yamanina.

“Ndothukile kwaye ndidanile yilena into yesisehlo sibi kangaka, kutsho uLt Gen Mene.

Uthe kubantwana abafunyenwe belele ebhedini kuya krokreleka ukuba batyiswe ityhefu bona kodwa unobangela wesenzo eso awukaziwa wona ukuba ubangelwe yintoni.

Umkoshinala uLt Gen Mene uthe bavule ityala ukuba kuphandwe ukuba yintoni unobangela wokubulawa kwalamangu olusapho lakwa Buso.

Kwaye uye wahlaba ikhwelo lokuba abantu bancedisana ukulwa zonke iziganeko zolwaphulomthetho kwaye ahlonitshwe amanina.

Inkonzo yesiPolisa, amagosa waseburhulumenteni kuquka nomasipala waseMnquma kulindeleke ukuba bayokuvela kwikhaya lakwaBuso kule veki.

Zikhona nengxelo ezithi isimo sedlala kwikhaya lakwaBuso ingaba ngunobangela wokuba kubhubhe lomzali nabantwana bakhe, kodwa azikaqinisekisa ezo ngxelo ezo njengo nobangela.

Usodolophu womasipala waseMnquma, Tunyiswa Manxila-Nkamisa naye uvakalise udano nongxunguphalo malunga nesi siganeko kwaye wathumela namazwi ovelwano kusapho lakwa Buso.