CommunityReligious News

Ayafundisana Amawisile eNgcobo

17 August 2023 – Yonela Mpaka

ENGCOBO

Amawisile aku Bhojane edolophini eNgcobo abhiyozele usuku lwamanina ngokwenza ifun walk. Ukubangomama base Wisile abasoloko benxibe isinxibo sabo kubakhuthazile kakhulu oku bakwenzileyo. Abathe baphuma phambili bathe banikezwa i medals. Ibeliphulo elihle eli nanjengoko amawisile la kunyaka esimshiya ngasemva athi ayophisa ngempahla kubantu base Masonwabe nelokishi ezingqongileyo.

Ongumququzeleli woku umama u Mpofana uthi bengomama bajongene nengxaki ezinintsi abantwana babo bathe gabhu kwiziyobisi ukudibana ngoluhlobo bebefuna ukhe baphefumlelane.”

Sidibene sacinga ukuba ukuzivocavoca nokuxhobisana ngezinto eziyimicelimngeni kokona sinothi sikwenze kweli ityeli kuba kunyaka odlulileyo sasiye ebantwini, sithe kulena igem makhe sizijonge thina kuqala kuba kubalulekile nokuqala ngathi, sikhuthaza omama ukuba bakhe bathethe xa bengavi kamandi konke oku sifuna ukunqoba ngomthandazo,” utshilo uMpofana.

Ulutsha lwecawe nalo lubeyinxalenye yoku ukuzifunxela nje ulwazi kuba amasebe ohlukeneyo ebeceliwe ngolusuku. Ongumfundisikazi umama uNothemba Somamzi uthi kuyafuneka abantu abangomama bamane bedibana bangapheleli kulwesine kuphela kuba imuthwalo yona ikhona.

“Sizobakhuthaza ukuba bazisebenzise nesenta ezikhoyo ukuze babenendawo yokuvula izifuba bangapheleli kwezicawe, sizothi mabaphakame bazenzele igadi bafunde nemithungo, umama othethayo xa esengxakini soze ibelixhoba lezizifo zengqondo zigqiba abanye omama nababhenela kwiziyobisi, omama mabaphume kwizinto ezingabasindawo,” utshilo uSonamzi. Othe wafumana imedal nophume phambili kwi fun walk uAsanda Kwalo uthi ukhuthazeke kakhulu izinto ezinje unqwenela zimane zisenziwa kuba zivula nengqondo le.