Ziyaxhaswa izikolo ngurhulumente
17 August 2023 – Yonela Mpaka
ENGCOBO
Umphathiswa wesebe lezemidlalo uNonceba Khonziwe uthe wanikeza ngezixhobo zokudlala ibhola kwizikolo zase Ngcobo. Isikolo saku Manzana kwakunye nesase Village zikwizikolo ezifumeneyo. Izinga lokudlalwa kwebhola kwidolophu yase Ngcobo liphezulu kakhulu. Imidlalo eqhubekayo ezikolweni ngeloxesha lithile iyabancedisa kakhulu abo bangabafundi.
Oka Khonziwe nongumphathiswa uthi wonke umntwana unelungelo lokwenza nokuba ngomphi umdlalo esikolweni. Sifuna ukubona abantwana beyodlalela amaqela aphezulu bengaphelelinje apha kulamabala mancinci, aba sele bedlala kumaqela aphezulu siyayazi babeqale apha.
Siyabakhuthaza notisthala babancedisr abantwana italente abanazo zivele kwangoku basakhulayo, sizothi makudlalwe kodwa kufundwe,” utshilo uKhonziwe. Abafundi bakuvuyele ukubonwa bexhaswa.
Owesikolo saku Manzana uAlive Gcanga ukuvuyele kakhulu ukubonwa bexhaswa ngumphathiswa navakalise ukuba izixhobo zokudlala ibhola ziye zingabikho ncam ezikolweni ngoku bancedakele kakhulu.”
Siziva sonwabile kukuxhaswa siyakhuthazeka kakhulu kuba sivuleka ingqondo nasezifundweni singajongi incwadi kuphela,sifuna ukuthi nakwabo bangenzinto esikolweni baqalise nokuba bangene kwicala lomculo kuba ukumane uphumla ekufundeni kuyasebenza kakhulu,” utshilo uGcanga.
Ezi zixhobo zebhola Umphathiswa uKhonziwe uzinikezele ebambisene noSodolophu womasipala uDr AB Xuma uSiyabulela Zangqa nakhuthaze ukuba wonke umntwana wesikolo makathathe inxaxheba kwizinto ezenziwa esikolweni kuba ziyayipholisa ingqondo.
Sikuqhwabela izandla oku sisithi esikolweni mabadlale kuba bajika babesisigqubu kanti sele besitya iziyobisi, sithi ezikolweni ibhola nomculo nezinye izinto mazenziwe ukuze abantwana bazobanengqondo eziphaphamileyo,” “utshilo u Zangqa. Otitshala bakuvuyele kakhulu oku besebza umbulelo kubaxhasi.

