Crime & SafetyLocalNews

Amaxhoba waseToleni angcwatyiwe

17 August 2023 –  Anele Raziya

EMPUMA KOLONI

UMphathiswa ojongene neSebe Lezophuhliso (department for social development) uBukiwe Fanta uhlabe ikhwelo kuluntu lwaseMpuma Koloni ukuba likhangele uncedo kurhulumente xa lizibona lisonganyelwa yindlala emakhaya.

Oku kulandela isiganeko sakutsha nje apho umzali ogama linguBongeka Buso (38) wakwilali yaseToleni R1 ngaseGcuwa eye wabulala abantwana bakhe abathathu emva koko wazixhoma ngenxa yokonganyelwa yindlala.

Ingxelo ithi abantwana ababini abancinci kubonakala ukuba uBongeka wabatyisa ityhefu, omdala umntana wamhlaba ngemela wambulala emva koko wazixhoma yena.

Esi siganeko senzeke ngomhla wesithandathu kule nyanga kwaye ngale mpelaveki siphuma kuyo ngoMgqibelo urhulumente wephondo, umasipala waseMnquma ekunye nabahlali baseToleni baye babeka lamaxhoba kwikhaya lawo lokugqibela.

Abantwana, Orabile Buso (8), Oratile Buso (5), Anathi Buso (14) nomama wabo uBongeka baye bangcwatywa ngempela veki kwilali yaseToleni.

Othethela usapho, uMkhululi Buso, uthe nangona amaxhoba bewabeke kwikhaya lawo lokugqibela kodwa belusapho basaxhelekile ngaphakathi emphemfulweni wabo.

UBuso uthe belusapho basothukile sesiganeko kwaye kuya kuthatha ixesha ukuba bawulibale umbona abawubonileyo wokududuluza kwemizimba emine yosapho olunye ngemini enye.

Uthe unethemba lokuba urhulumente uzakuthi abaxhase ngokubahambisa kwabo bazingcali ngokwentuthuzelo yompefumlo.

UMphathiswa uFanta uhlabe ikhwelo kuluntu ukuba lisondele ngakurhulumente lizokucela uncedo xa lizibona lisonganyelwa yindlala emakhaya.

Uthe uyacela nabahlali ukuba basebenzisane bekunye norhulumente ukulwa indlala emakhaya.

Uqhube wathi bengurhulumente badane kakhulu sesisehlo saseToleni R1 sokuba usapho lonke libhubhe ngenxa yendlala kwaye usapho lakwa Buso lizokuhanjiswa kwingcali zentuthuzelo yomphefumlo.

Zininzi inkqubo athi urhulumente axhasa ngazo abantu abangathantweni kwaye nabantwana babo banikwe neempahla zesikolo nezinye izinto ukuze bangahleleleki phakathi kwabanye abantu.

Into ebalulekileyo uthe abantu mabasondele kwiofisi zikarhulumente ingakumbi ezesebe lakhe, abantu abazibona besengxakini ezifana nendlala emakhaya.

UMasipala waseMnquma okhokelwa nguTunyiswa Manxila-Nkamisa uye wadlulisa amazwi wovelwano kusapho lakwa Buso kwaye wavakalisa ukuba unalo icandelo elijongene nokuncedisa abantu abangathantweni.

Kangangokuba amaxesha amaninzi umasipala waseMnquma usoloko enikezela ngokutya kumakhaya angathantweni kwaye anikezele nangeempahla yesikolo kwabo bantwana bangenayo.

Elo phulo lokuxhasa abantu abasokolayo lisoloko likhona eMnquma kwaye abahlali bayakhuthazwa ukuba beze ngaphambili xa benengxaki kuba umasipala usebenzisana namanye amasebe karhulumente ukuncedisana ukuphuncula impilo zoluntu.