Utyhola isibhedlele ngokumenza akhubazeke
17 August 2023 – Monwabisi Khininda
EMTHATHA
UZanele Mshweshwe oyinkondekazi, eneminyaka engamashumi amathandathu ananye waseMpa eMthatha, unyanzelisa ukufumana iimpendulo kwisibhedlele sikarhulumente iNelson Mandela Academic Hospital eMthatha. Ingxelo idiza ukuba wangeniswa lusapho lwakhe kwesi sibhedlele ngomnyaka wama-2015 eyofuna impilo endaweni yalonto wabhaselwa ngokukhubazeka. Ngokutsho kosapho lwakhe wangena enempawu zokuphazamiseka ngokwasengqondweni kodwa waphuma enesilonda esikhulu emlenzeni, urhuqeka, wabhutyuka suka wakhululwa enjalo.
Sithetha nje uphila ngokuhamba ngesitulo esinamavili (wheelchair). Uhlala nelindle endlini imini nobusuku nanjengoko engakwazi kuhamba aye kwindlu yangasese. Umam’u Zanele uxhomekeke kumntu ongahambela kwakhe ukuchitha ilindle. Ebalula intlungu yakhe uthe sele ecinga nokuzibulala nanjengoko isebe leZempilo limbulele ephila.
Ufuna ukwazi ukuba wenziwa ntoni ngabasebenzi besibhedlele eyamenza wabola umlenze zizilonda wasuka wakhubazeka.Uxelele eli jelo ukuba kudala equqa kwesi sibhedlele kodwa akukho mntu ufuna ukumnika impendulo emva kokuduka kwamakhadi akhe kuso.“Ndifuna ukwazi ayephi amakhadi am. Ndiye amatyeli amane esibhedlele ndisenzelwa amakhadi amatsha kodwa xa ndibuya andifike kuthiwa akabonakali.” “Ndiyakrokra ikhona le nto ifihlwayo. Ndenzelwa amakhadi amatyeli amane kodwa alahleka nawo. Ukhona lo mntu uwathatha awafihle ebaleka le nto ibhaliweyo kuwo. Yintoni le ifihlwa sisbhedlele eyafakwa kum ukuze ndibhutyuke umlenze ndikhubazeke naphake?”kubuza uMoshweshwe.
Udize ukuba bonke ooGqirha aye kubo bathi bafuna amakhadi bazobona ukuba wayenikwe ntoni esibhedlele eyamenza wakhubazeka. Uvakalise ukuba omnye wabaphathi besibhedlele wamtsalela umnxeba emxelela ukuba amakhadi akabonakali watsho esithi uyaxolisa.
Intombi kaMoshweshwe uFikile Nyamela ungqinile ukuba nguye owayekhaphe unina wamsa kwesi sibhedlele egula kodwa waphuma sele engakwazi kuhamba. Isithethi selisebe uYonela Dekeda akakwazanga kuphendula imibuzo yeliphephandaba kodwa uthembise ngokuba belisebe bazawukwenza uphando.
