CommunitySports

Ibali laseGcuwa kuphuhliso

24 August 2023 – Anele Raziya

UOrion Molton(16) waseGcuwa ulibulele igalelo lika manejala weSekhukhune United, esidlala kwiDStv Premiership, uLuxolo Matikinca noLwazi Sahula weKeep Active Sport Development ngendima abayidlalayo kuphuhliso lwebhola ekhatywayo eMnquma.

UMolton ongumdlali suswini weqela laseGcuwa, iFC Tshabalala, ebethetha emva kokuba ebuye kwilizwe laseDenmark nalapho ebehambe neqela eliphuhlisa abadlali abasakhulayo, iKeep Active Sport Development beyokudlala kwitumente yabaneminyaka engaphantsi kweshumi17 nebizwa iDana Cup.

Lo mdlali weFC Tshabalala uthe uyalibulela ithuba alifumeneyo loyokudlala ibhola ekhatywayo  phesheya kolwandle okokuqala ebomini bakhe.

UMolton wabonwa ngumqeqeshi weKeep Active Sport Development , uLwazi Sahula kwitumente iNozulu Youth Legacy Cup eyayidlalelwa eMsobomvu eGcuwa ebutsheni balo nyaka.

Itumente iNozulu Youth Legacy Cup yayiqala usindlekwa kwaye isungulwe nguMatikinca ngenjongo zokuba aphuhlise ibhola ekhatywayo eMnquma njengoko eyinzalelwane yakhona.

UMatikinca uye wanegalelo nakumalungiselelo kaMolton ngexesha ezakuhamba neli qela laseGqeberha, iKeep Active Sport Development ukuya kwilizwe laseDenmark.

Le dyogwana isaze ngobuso elizweni ibulele kakhulu ithuba elinikwe ngalamagqala mabini awayesakudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu, uSahula noMatikinca.

“Ngelixesha siseDenmark ndifundile ukuba nathi singabadlali baseSouth Africa sinaso isiphiwo ebholeni kwaye bakhona abadlali esibogqithayo ngokudlala ibhola kula mazwe waphesheya,” kutsho uMolton.

Uthe nangona bengakhange babenalo ixesha lokudlala bebodwa bengabadlali beKeep Active Sport Development ukuze baqhelane, kodwa lonto khange icace kula tumente kuba bakwazile ukuphumelela imidlalo emibini kwemithatho abayidlalileyo batsho badlulela kumjikelo wamaqela alishumi elinesithandathu (last 16) apho babethwe khona.

Uqhube wathi ubude namandla yeyonanto baqaqambe ngayo abadlali bangaphesheya kodwa bona bebesenzisa isantya, uphantsi kwenwele nobuchule bokudlala ibhola ukuze bawabethe amaqela ebebedlala nawo.

Uthe ikhona nemidlalo yobuhlobo abayidlala namaqela aphesheya nathande indlela abadlala ngayo beli qela laseSouth Africa kwaye unethemba ngenye imini uzokubuyela phesheya eyokudlalela amaqela wakhona njengoko iliphupha lakhe elo kwibhola ekhatywayo.

Le dyogwana ichithe phantse iiveki ezimbini ikwilizwe laseDenmark idlala ibhola kwaye isando buya.