CommunityNewsSports

Umbutho wembethi manqindi ojongene nokuphuhlisa ulutsha eMnquma

24 August 2023 – Anele Raziya

EGCUWA

Umbutho wamanqindi ojongene neembethi manqindi ezisakhasayo, iMnquma Amateur Boxing Federation, izimisele ukusasa ulutsha kwiziyobisi notywala ngokuthi ivuselele umdlalo wamanqindi eGcuwa nakwezinye iindawo.

Kwiveki ephelileyo, uMbuyiseli Xokolo uxelele eliphephandaba ukuba bakwiphulo lokuvuselela umdlalo wamanqindi eMnquma ngenjongo zokususa abantwana kwiziyobisi.

UXokolo uthe ngomhla wokuqala kwinyanga (1 Septemba) ezayo bazakusindleka itumente yamanqindi kwiholo yedolophu yaseGcuwa.

Uthe amaqela womdlalo wamanqandi (boxing teams) aphuma kuCentane, Ngqamakhwe naseGcuwa kulindeleke ukuba iimbethi manqindi zawo zikhuphisane kule tumente yosuku olunye.

Iimbethi manqindi eziqhube kakuhle uthe zizochongwa ukuba ziyokulwa kwitumente yephondo (provincial tournament) ecwagciselwe ukusindlekwa eMnquma ukuqala ngomhla wamashumi amabini anesibini ukuya kumhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga ezayo (22-27 Septemba).

Umbutho kazwelonke emanqindini, iSouth Africa Amateur Boxing Federation kulindeleke ukuba ibeyinxalenye yale tumente yephondo njengoko kuyobe kusilwa iimbethi manqindi eziyakube ziphuma kwiingingqi zonke zaseMpuma Koloni.

UMnquma wagqibela kwiminyaka elishumi elinesihlanu ukuvelisa iimbethi manqindi ezilwa kumngangatho wabahlawulwayo nalapho yayinguLwazi Mzolisa, Hlanga Kanzi, uSimakele Zakade nabanye.

Ngale tumente uXokolo uyicacise mhlophe ukuba bazimisele ukuchonga iimbethi manqindi ezizakubuyisa isidima saseMnquma emanqindini.

Kwaye uthe njengokuba besindleka ezi tumente eMnquma kungokuba befuna ukhuthaza abantwana kumdlalo wamanqindi bohlukane nezinto ezifana neziyobisi nolwaphulo-mthetho.

Umasipala waseMnquma namanye amasebe waseburhulumenteni azakuba yinxalenye yale tumente uyoxhasa umdlalo wamanqindi.