Bashiyeke bengenamakhaya ngenxa yesichotho eNgcobo
Yonela Mpaka | Ngcobo
Izandyondyo zemvula ebezihamba nesichotho zishiye abantu belali zase Ngcobo bemnkelwe zizindlu. Imvula ibihamba namatye isiphule izindlu yaze yatshisa impahla zentwazana eselula nefunda kwisikolo sase Ngcobo Village. Le ntwazana ithe yatshelwa zincwadi impahla zesikolo kwakunye nesazisi, ngelixa kwimizi emibini ishiye bengenamakhaya. Ubumnyama bufike kanye kwintwazana uAsamkele ngethuba ebesesikolweni wafika kwikhaya lakhe sele kumnyama ngumsi kanti kukudaleka komonakalo wokufuna ukucima iphupha lakhe lokufunda. Inyembezi bezizehlela kwintwazana lena ezihlalela nomakhulu wayo.
Ikhwelo lihlatyiwe ukuncedisa ukuba intwazana iphindele esikolweni.Abombutho we Nyco eNgcobo bakhawulezise ukumfunela uncedo ukuze akwazi ukuphindela esikolweni engekashiywa zizifundo zakhe. Abamnkelwe ngamakhaya baphezulu kokukhangela uncedo. Ongomnye welikhaya utata uMenziwa Kuse uvakalise ukuba uncedo bayaludinga kakhulu oku kwenzekileyo kubabonise kakubi kakhulu. “Siyabalumnkisa abantu ukuba baqaphele xa kusiza imvula kuba ingakhe ibenobungozi ingakumbi leyo ibizwa ischotho, sothuke kakhulu xa indlu imnka sishiyeka singenakhaya,” utshilo utata u Menziwa Kuse. Amanye amafama ase Ngcobo athe aphulukana nemfuyo yawo ngenxa yezimvula bezinkulu ngokumangalisayo.


