News

Bafumene iNkokheli eChris Hani

14 EyoMsintsi 2023 – Yonela Mpaka

CHRIS HANI

Umasipala wase Chris Hani ubeke uLusanda Sizani njengoSodolophu omtsha kraca kwintlanganiso yebhunga ibibanjiwe. Oka Sizani nongusihlalo kumbutho we ANC uthe wangena ezihlangwini zika Wongama Gela nobesayukubangu Sodolophu. Ukuchongwa kuka Lusanda njengomntu ozakuthi akhokhele umasipala kumvuyise kakhulu kuba ukukhokhela yinto aqhelene nayo. ULusanda Sizani ukhe wakwicala lezimali kumasipala lo encedisana nokuba abantu baqinisekise ukuba inkonzo bayazihlawulela.

Omasipala abaphantsi kwe Chris Hani bebekuzimasile oku. Athatha ezihlangwini zakhe uWongama Gela uthi ukusebenzisana nokululamela abantu kwenziwe okufanele kuyenziwa kokona kuzomsa phambili umasipala lona, esithi abasithandabuzi isikhokhelo sika Sizani kuba uzibonakalisile amaxesha amaninzi esenza umsebenzi wakhe ngaphandle kwamathandabuzo. Ongusodolophh kumasipala iDr Ab Xuma  uSiyabulela Zangqa bamnqwenelele imisebenzi emihle loka Sizani. Sithi asebenze ngokuzinikela sifezekuse iminqweni yabantu imfundo ekudala bezifuna zenzeke sithi Huntshu kuye,” utshilo uZangqa. Umasipala wase Chris Hani unenkokheli ngoku eziphume izandla nakulo icala lezemfundo.

Ongusodolophu omtsha uLusanda Sizani uthembise ukuba uyakuzenza zonke izinto ekufanele azenze. “Abantu babeke ithemba labo kum nam ndakwenza njalo ukuqinisekisa ukuba akukho bugxwenxa banto, ndakusebenza ngokuzinikela kuba kudala ndikuwo umzabalazo ofun ukuzisa utshintsho ebantwini ,abantu abandibeke kulendawo ndikuyo namhlanje andizubalibala kodwa ndakuqinisekisa ukuba kwenzeka kakuhle uphuhliso luyaya ezilalini, imiceli mingeni ekhoyo yentswela ngqesho siyijongile,” utshilo uSizani. Umasipala wase Chris Hani ukhe wancedisa kakhulu kwicala labantu abasebenzisa inkonzo zikarhulumente gwenxa phantsi ko Sizani nobekuququzelela oku ukuphelisa tu umsebenzi ongcolisa umasipala. Bamnqwenelele okuhle bonke abo bakwisikhokhelo loka Sizani.