Babhinqe omfutshane kuba befuna impucuko
21 EyoMsintsi 2023 – Yonela Mpaka
NGCOBO
Abahlali belali yase Qulunqu kwidolophu yase Ngcobo bazokhela ngokwabo isikolo saseMizamoyethu. Sele ingamagumbi amane asele eqalile ukokhiwa ngabahlali. Imali yesibonelelo sika rhulumente yeyona babetha phezu kwayo abahlali.
Esisikolo sithe sapaselwa kakhulu ngabafundi babebanga leshumi. Abazali bathe babetha imali kuba befuna ukwandisa amagumbi esikolo ngenxa yamanani abantwana abathe bashiya kwezinye izikolo bazofunda kwesi. Abahlali babetha ezimpokothweni kubo kuba bafuna imfundo iqhubeke ngaphandle kwamathandabuzo. Ongumhlali umama uNosakhele Bhuntu nonabantwana abafund kwisikolo esi uthi bazakusokha isikolo esi kuba bafuna lento bayifunayo ibheke phambili.
“Sibetha imali ukuze isikolo sakhowe siqokelele imali ebahlalini basincedisa kakhulu, bayasinika abantu kwa nenkosi ziyasixhasa kakhulu kuba ziyayifuna lento yesisikolo, siyanqwenela nesebe lezempilo khelincedise kuba asifuni abantwana bafundele phandle,” utshilo uBhuntu. Onguceba kwindawo uSiyabulela Phandle uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwe ngabahlali.
Siyavuya xa bekwazi ukuphakama bamele imfundo yabantwana babo sakungena kulominyango bafuna sinqonqoze kuyo ukuze oku bakufunayo kubeyimpumelelo, sisithi ubambiswano nomanyano phambili,” utshilo uPhandle. Inkosi yendawo uNkosi uMthirara ubaxhasa kakhulu abahlali kwizinto zonke abathe gqolo ukuzenza.OkaMthirara uthi okwabo kukuqinisekisa ukuba akukho ngquzulwano izinto zihamba kakuhle .
“Sihlaba ikhwelo kumntu wonke onokwazi ukuncedisa elikhwelo liza nabahlali liye phambili kuba inkokheli zangomso sifuna abantwana abafundileyo,” utshilo uNkosi uMthirara.


