HealthLifestyleLocalNews

Kuthiwa isegedukeni imeko yabo barabulayo

21 EyoMsintsi 2023 – Intatheli kaDizindaba

GAUTENG

Kuthiwa iziganeko zakutshanje ezinxulmene notywala zibonakala ziyibeka kwi meko esegedukeni imeko yokuthengiswa kotywala kweli lo Mzantsi Afrika. Phakathi kwezo ziganeko ezize neengozi nokufa ngenxa yotywala seso sakutshanje sase Mpumalanga, eGqeberha kunye neso sase Itirileng. Zonke ezi ziganeko kuvakala okokuba zibangele okokuba kwamanye amaphondo eli abaphathi bamemelela okokuba ancitshiswe amaxesha okuthengiswa kotywala.

Esona siganeko esibonakala sivuselele umnyele kubemi beli lizwe seso sokusweleka kwabantwana abahlanu e-Itirileng kummandla wase Gauteng. Kuvakala okokuba ezi ngelosi zisweleke kwi ngozi yomlilo emva kokuba ezi ntsana ziye zashiywa ngoo ninana. La manina kuthiwa ngoo dade ababini, uZanele kunye noLindiwe Machaka abathe bashiya ezi ntsana zodwa etyotyombeni baze baya kusela etarven ubusuku bonke.

La manina kuvakala okokuba abizwe kule tarven ngabamelwane nabawafumene enxile eludaka aze abanjwa ngabomthetho aya kuvalelwa ejele. Kulo Losihlanu odlulileyo la manina avele enkundleni malunga nezityholo zokungabi nankathalo ngakubantwana ntoleyo eqandusele ekuswelekeni kwezi ntsana. Aye ayinikwa ibail ye R5000 emnye mntu nalapho ekuvakala okokuba inkundla ibizama okokuba la manina abenakho ukuya kumalungiselelo omngcwabo.

Kungokunje bekusavakala okokuba la manina kubonakala kunzima kuwo ukuhlawula le mali yebail. Kuvakala okokuba izihlobo nezalamana bezisabhula zisela zizamela okokuba aba dade babenakho ukuzimasa umngcwabo wezi ntsana. Kusenjalo kuvakala okokuba kutshanje kwindawo yentselo phaya eMpumalanga kuye kwahlaselwa kwaza kwafa abantu abane logama phaya eGelvandale eGqeberha kuvakala okokuba amadoda azigqume ubuso aye adubula abulala abantu abahlanu. Kuvakala okokuba kungokunje kukho ikhwelo kubahlali lokuba uRhulumente athathe amanyathelo angqingqwa ngakumaxesha okothengiswa kotywala. Lona iphondo lase Limpopo kuvakala okokuba sele liqalile ngokubeka imiqathango yokuba kuvalwe “Mba” ukuthengiswa kotywala ngaphaya kwentsimbi yesithandathu (6 o’clock) malanga.

Abasemfuthweni wolwazi bathi iqumru iLiquor Board yalapha eLimpopo ibonakalse ukungahambisani nalo mqathango. Kanti kusenjalo kuvakala okokuba phaya eMonti ngenxa yemeko yase Nyobeni apho kwasweleka abantwana abangama 21, intengiso yotywala isamile. Kuthiwa kungokunje kusajongwa iNtshona Koloni okokuba izakuthini na imeko.

Balesi singathanda ukuva uluvo lwenu malunga noku, sicela nithumela uluvo lwenu ngo WhatsApp: 0712123675 / 0842639105