CommunityLifestyleNews

Bezidibene inkonde nenkondekazi zaku Manzana eNgcobo

12 EyeDwarha 2023 – Yonela Mpaka

NGCOBO

Iqela elibizwa iManzana heritage initiative nelizinze kwidolophu yase Ngcobo phantsi komasipala wase Dr Ab Xuma lithe laqokelela bonke abantu abadala abaneminyaka engaphezulu kwamashumi amahlanu labenzela isidlo. Oku kubonakale kungaqhelekanga nanjengoko abantu abadala bebedla ngokunikezwa ingubo. Ibeluthakazelelo olukhulu kakhulu olu ingakumbi kwabo sele bengasakwazi ukuzenzelanto. Baqaliswe ngokuphungiswa iti namakhekhe kwalandela ukutya. Ongumseki wale Manzana initiative utata uTshila noyinzalelwane yaku Manzana uthi ubone kubalulekile ukuba abantu abadala bakhe bahlanganiswe babukwe bathandazelwe kuba badinana nengxaki ezininzi.

“Kubemnandi kakhulu ukubona abantu abadala bonwabile bedibene bencokola, bendikade ndijongene nabantu abatsha kodwa ndiqonde makhe ndize kwaba badala kuba ndiyabona bayasokoliswa kakhulu ngabantwana ,abantwana bathe bhakada kwiziyobisi ,ndicengane nabo ukuba ingxaki abahlangana nazo mabazithethe bangazigcini kubo, sijonge nokuveza ezinye izinto ezinobenza bamane bedibana, sibulela nakubaxhasi bethu abenze kwayimpumelelo ukuhlanganisa ingwevu nengwevukazi , “utshilo uSonwabo Tshila nojongene nophuhliso ezilalini.

Abantu abadala bebephume ngobuninzi bebonakala ukuba intsuku zokhba badibane baphekelwe zingqongophele kakhulu.Umama u Nokuzola Gcanga uthi bothukile xabeva isijoli esibafunayo banethemba lokuba abanakubizwa nje. “Sikuvuyele kakhulu ukukhe sidityaniswe siviswe kamandi imini ezifana nezi azibikho tu, siyasokoliswa kakhulu ngabantwana bethu ukudibana nokuba kukanye sixelelane imbilini zethu kusenze savisa sibalulekile kakhulu,senza omkhulu umbulelo ku Sonwabo usibonakalisele ukuba uyasithanda kakhulu sisithi kwande apho athathe khona nabo bamxhasilyo basikeleleke,“ utshilo umama uGcanga. Imanzana initiative ikhe yanikela ngekiti yebhola kubantu abatsha ngenjongo zokubaxhasa.