AgricultureBusiness

Amafama wendawo yaseTyeni

USodolophu woMasipala waseNgqushwa, uSanga Maneli uncome amafana angaphantsi kwalo masipala malunga nendima ebalulekileyo ayidlalayo ekuncediseni ukhulisa uqoqosho ekuhlaleni kunye nokugxotha indlala emakhaya.

UManeli ebethetha kumsitho wamafama abizwa iMatebese Wool Growers Association nalapho ebeyokunizela ngeezixhobo zokusebenza kula mafama adume ngokuvelisa uboya begusha.

Amafama endawo ebizwa eTyeni kwaWadi 1, iMatebese Wool Growers Association enamalungu asixhenxe yafaka isicelo senkxaso kwixesha eligqithileyo kwamasipala ekubeni incediswe ngezixhobo zokucheba iigusha kuba efuna ukuvelisa uboya obusemngangathweni.

Kwiveki ephelileyo uManeli ekunye nesebe elijongene noKuphuhliswa amaphandle eNgqushwa baye batyelela lamafama beyowanika izixhobo zokusebenza eziquka iWool Pressor enye (1), Wool Sorting table enye (1), Wool bins ezine (4) kunye neShearing Boards ezine (4).

UManeli uthe njengokuba bewanika inkxaso lamafama balindele ukuba avelise ngaphezu kokuba ebefudula ebuvelisa uboya.

Uqhube wathi kuluvuyo kubo bengumasipala xa bencedisa amafama kwiimfuno zawo kwaye watsho encoma umsebenzi awenzayo. 

“Asiqweneli emveni kokuba kuziswe ezi zixhobo sibone iprojekthi isifa, koko sifuna ngelifuthe ninalo nikhule niye phambili niphakamise iNgqushwa yenu. Utyalo-mali olwenziwe apha oluyinkxaso kuni kushishino lokufuya iigusha lunganibeka kwiqanaba eliphezulu ngomso,” kutsho uManeli.

Uyivale intetho ngelithi uchlumancile xa ebona amafama ekwazi ukuzenzela imali ngemfuyo azifuyele yona kwaye uyathemba ukuba ininzi into enokufundwa lulutsha kule projekthi yala mafama.

IMatebese Wool Growers Association yaqala ngeeminyaka ye1970s ukufuya iigusha kwaye ngoko kwanqabe nexaso ezo.

Kodwa ngoku ithe ikhuthazeke kakhulu njengokuba ifumana nokuxhaswa ngumasipala kwaye ijonge phambili ukuba irhwebelane namanye amashishini uqinisekisa ukuba uqoqosho ekuhlaleni lukhula nangakumbi.

Iimifanekiso(4): Amafama wendawo yaseTyeni eNgqushwa afumene inkxaso yezixhobo zokusebenza kwiveki ephelileyo.