Abahlali baseXhorha bazakwakhelwa
26 EyeDwarha 2023 – Anele Raziya
DUTYWA
Isebe lokuHlaliswa koLuntu (Department of Human Settlements) libambisene nomasipala waseMbhashe eDutywa, bazise abahlali ngekontraka ezo kwakha izindlu zesibonelelo sikarhulumente kwilokishi i-Walter Sisulu eXhorha kwa- Ward 13 ngoMgqibelo.
Oku kwaziswa kwale kontraka ebahlalini kulandela emva kokuba urhulumente waye waqaphela ukuba uluntu lwaseXhorha ludinga izindlu.
Kwaye izindlu ezokhiwa ngaphambili kwilokishi yaseWalter Sisulu zazingekho semngangathweni.
Isebe lokuHlaliswa koLuntu ephondweni labamba iintlanganiso ezibalekayo nabahlali baseWalter Sisulu ngenxa yokuba libona imeko yezindlu abahlala kuzo.
Emveni kwezo ndibano kwaye kwabakhona isivumelwano sokuba urhulumente aphinde okhe ezinye izindlu kule lokishi yaseXhorha ulungiselela abo bebehlala kwizindlu ezingekho mngangathweni, kwaye aphinde okhele nabo bangazange baxhamla kwesi sibonelelo seziNdlu sikarhulumente ngaphambili.
Isebe nomasipala waseMbhashe bavakalise ukuba zizindlu eziyi 292 ezi zokwakhiwa kwilokishi yaseWalter Sisulu eXhorha.
Obethetha egameni lika sodolophu waseMbhashe, uSamkelo Janda, uCeba Nomvuyiseko Mgedezi uthe ukwakhiwa kwezi zindlu zesibonelelo sika rhulumente kuzoguqula impilo zabantu eXhorha kwaye abahlali bazokuxhamla nakumathuba emisebenzi.
UMgedezi uthe ulwakhiwo lwezindlu kulindeleke ukuba luthathe iinyanga ezingamashumi amathathu anesithoba nangona isimo sezulu singamane siphazamisa.
Uye wahlaba ikhwelo kubahlali baseXhorha ukubabasebenzisane nekontraka ezabokhela izindlu kwindawo yabo.
Uthe kungekudala uzaqalisa umsebenzi wakwakhiwa kwezindlu njengoko isebe ligcwagcisile.
Uvalelise ngelithi bengumasipala bayayibulela inkxaso nentsebenziswano abayifumana kwisebe lokuHlaliswa koLuntu ephondweni.
Uluntu lwaseXhorha luvakalise umbulelo ongazenzisiyo ngakurhulumente njengoko imeko ibingaginyisi mathe kwizindlu ebehlala kuzo ngaphambili. kwayo izakuthi itshintshe imeko yabo.
Ngexesha lolwakhiwo kuza kudaleka amathuba emisebenzi kwaye kulindeleke ukuba kuxhamle noosomashishini abakhasayo baseXhorha xa bencedisa kule projekthi.

