Umasipala waseNgqushwa uyaqhuba nephulo lakhe lokuxhasa abafundi bebanga leshumi
31 EyeDwarha 2023 – Anele Raziya
NGQUSHWA
Umasipala waseNgqushwa usathe gqolo nokuqhuba nephulo lakhe lokuxhasa abafundi bebanga leshumi ngento eya ngaphantsi kwempumlo xa kufike ixesha lokubhalwa kwemviwo zokuphela konyaka.
Kulandela emva kokuba usodolophu womasipala waseNgqushwa, uSanga Maneli ehamba nebhunga bebetyelele izikolo ezibini zamabanga aphezulu, iSotinini High School neNcedolwethu High School nalapho baye banikezela ngokutya kubantwana bebanga leshumi abalungiselela uchophela imviwo zokuphela konyaka.
Ezi zikolo zibini kuyavakala ukuba khange ziqhube kakuhle kwiziphumo zika Greyidi 12 kunyaka ophelileyo, usodolophu uManela uye wafumana nethuba lokuba akhuthaze abafundi bezizikolo njengokuba ziqalisa imviwo.
INcedolwethu High School neSotinini High School ziphakathi kwezinye zezikolo zaseNgqushwa ezinabafundi abahlala esikolweni xa belungiselela ukubhala imviwo zokuphela konyaka.
Njengokuba behlala esikolweni ngexesha lwemviwo umasipala ubone kufanelekile ukuba abanike ukutya ukongeza koko bakufumana kwisebe lezemfundo.
Ethetha kumsitho, uManeli uthe “Inkxaso yeyokuncedisana nabafundi bebanga leshumi abahlala esikolweni ngexesha lwemviwo ukuzama ukukhawulelana nabazali kuba imeko zabantwana emakhaya azifani,”.
Uthe lento yokuba abantwana bafunde behleli esikolweni, iyabanceda ukuba bafuthelane ngeencwadi kwaye bobelane nangolwazi ukuze bazofumana iziphumo ezincumisayo ekuphele konyaka batsho bafumane ithuba lokuya kwiiDyunivesithi zeli.
“SinguMasipala silapha kuba sinikhuthaza sifuna nibene kamva eliqaqambileyo, nengomso elihle. Siyavuya kuba kukhona ukuphucuka kwiziphumo zovavanyo zakutsha nje (Trial Examinations),” uqhube watsho uManeli.
Uqhube waxelela abafundi ukuba funeka bazimisele kwizimviwo zokuphela konyaka ukuze baphumelele emagqabini ngo100% uqaqambisa igama iNgqushwa.
Umasipala uye waxelele abafundi ukuba unayo inkqubo yokubancendisa ukuba bakwazi ukufaka izicelo zabo ku NSFAS.
UMnu uSakhumzi Seyisi onguMhloli kwiSebe lezeMfundo uphefumle wathi noko uyabona umngangatho wenyukile eSotinini kule Kota yesithathu (Term 3) waba ngu 72%Â waza owaseNcedolwethu waba ngu80%,” kutsho uMnu uSeyisi
Utsho esithi banqwenela u 100% ozele zii Bachelors kwezi zikolo zibini kwaye uthe into ixhomekeke kubafundi into ngoku kuba babhale ngempumelelo kwezi mviwo zokuphela konyaka.
Isebe lezeMfundo ephondweni lithe lijonge into engaphaya ko90% wokuphumelela kwabafundi njengoko ziqala imviwo zokuphela konyaka ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga.

