CommunityCrime & SafetyLocalNews

Owasetyhini ubandakanyeka kubusela bemfuyo

16 EyeNkanga 2023 – 23 EyeNkanga 2023 – Monwabisi Khininda

BITYI

Amapolisa aseBityi eMthatha abambe abarhanelwa abahlanu ngobusela bemfuyo, loo gama omnye wabo ekwabekwe ityala lokufunyanwa nompu neembumbulu ngaphandle kwemvume. Ukubanjwa kwabo kulandela ukubonwa kwebhaki ebikhwelise iinkomo ezine eBityi kwindlela esingisa kuhola wendlela u-N2 ngoLwesibini weveki esisuka kuyo.

Ingxelo ekhutshwe sisithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo idize ukuba kwisithuba sika 15h00 emalanga inkumanda yamapolisa ixelelwe ngemoto ebikhwelise iinkomo ezikrokreleka zebiwe. Ngoko nangoko amapolisa asukele emkhondweni, kwimizuzu engephi isithuthi esichaziweyo sibonakele ngenene sikhwelise ezi nkomo,sakhutshwa endleleni. Ingxelo iqhuba ithi bahlohlwe ngemibuzo abarhanelwa ababini owasetyhini nendoda abebekhwele apho batyhola ngelithi bazithenge kumadoda amathathu kwilali iNdibela eBityi.

Uphando lwamapolisa lukhokhelele eNdibela apho la madoda amathathu efunyenwe khona njengabantu ekuthengwe kubo ezi nkomo. Kubo kufunyenwe nompu unenombolo ezikhuhliweyo kunye neembumbulu. Bobahlanu abarhanelwa abaphakathi kwama-21 ukuya kuma-40 eminyaka ubudala babanjiwe, bekulindeleke bavele enkundleni yamatyala yaseBityi kule veki.

UMkomishinala wamapolisa kwisithili sase-O.R Tambo uMajor General Phumzile Cetyana uqhwabele izandla amapolisa ngokukhawuleza as abele abambe amasela emfuyo. Umemelele abahlali ukuba bathi gqolo ukuchazaukuchaza emapoliseni izenzo ezikrokrisayo.