AgricultureBusinessLocalNews

Amafama aphiwe amayeza wemfuyo

Anele Raziya – 25 kuTshazimpuzi 2024

Umasipala waseMbhashe eDutywa ukwiphulo lokuncedisana namafama emfuyo ukhulisa imfuyo yawo ekubeni ingachaphazelwe zizifo.

Kwiveki ephelileleyo umasipala uphume iphulo etyelela iiwadi ezintlanu ezingaphantsi koMbhashe ngenjongo zokunikezela ngamachiza emfuyo kumafama.

Uwadi 6,7,18 no19 baphakathi kwewadi eziye zatyelelwa ngamagosa womasipala ebenikezela ngamayeza wemfuyo kumafama wezongingqi.

Uninzi lwabantu olufuyileyo iigusha, bhokhwe, nkomo nezinye izilwanya ezilalini aluthantweni kwaye lunemali ngeniso encinane ntoleyo athi umasipala imenze abone kufanelekile axhase lamafama ngala machiza wemfuyo (remedies).

Umasipala uthe akazophelela kwezi wadi sele enyathele kuzo, uza kutyelela nezinye ukunika inkxaso amafama.

Indawo yaseMbhashe yenye yendawo ebalwa phakathi koomasipala abanamanani aphezulu wabantu abangasebenziyo kwaye uninzi lwabantu baxhomekeke ekufuyeni ukuze balale betyile logama bezitengisela ezitalatweni kwidolophu yaseDutywa nakuGatyane.

Kwiminyaka embalwa edlulileyo umasipala oko ethe rhoqo uxhasa iiprojekthi ekuhlaleni ngelizama uncedisana nabahlali ukuba bagxothe ikati eziko.

Kwiveki ephelileyo umasipala uzamile nokuxhasa abathengisi zitalatweni ngokuthi ebanike ivawutsha zokuba bazithengele izinto zokuthengisa kwindawo zabo.

Usodolophu womasipala uSamkela Janda ibinguye obehambisa ezo vawutsha kubathengisi zitalatweni baseMbhashe ngelikhawulelana neeminqweno yabathengisi.

Obethetha egameni labathengisi zitalatweni, uMpumelelo Nogada uye wayibulela kakhulu inkxaso abayifumana rhoqo kumasipala.

UNogada uthe ezi vawutsha zizakudlala indima enkulu kumashishini wabo kwaye bazakongeza izinto zokuthengisa ngazo.

Uvalelise ngelithi uyacela umasipala aqhubeke ebaxhasa njengoko kungalulanga ukuthengisela ezitalatweni edolophini.