Isithwakumbe sokusweleka kwabantu abahlanu sothuse iThorha
30 EyeNkanga 2023 – 06 EyoMnga 2023 – Yonela Mpaka
NGCOBO
Isikolo samabanga aphantsi iThorha eNgcobo besibambe inkonzo yesikhumbuzo sabantwana ababini bakwa Ngalo abebefunda kwisikolo esi kubantwana abane abathe basweleka ngumlilo ekuquka kubo nomakhulu. Isizeka bani somlilo yibhokisi uombane ethe yaqhushumba amalungu amahlanu engaphakathi ntoleyo edale kungabikho nomnye okwazileyo ukuphuma. Udadobawo u Zintle uthi zange bayicinga into yoba bangaze balahlekelwe lusapho lonke ngaxesha nye kubo lento yenzekileyo abayixoleli.
“Ukuva ukuba abantwana nomakhulu baswelekile khange isiphathe kakuhle tu kwaphela kunzima kakhulu kuba umakhulu ngoyena ebejonge abantwana esinceda kwizinto ezininzi,siziva simadolwanzika ukwamnkela lemeko noko sithi uThixo ngekhe wahlisa inceba yakhe ,sisithi kuye wonke umntu onosixhasa sizivulile izandla , “utshilo u Zintle. Umasipala wase Dr Ab Xuma phantsi koSodolophu uSiyabulela Zangqa udlale indima enkulu ekubeni olusapho lufumana konke okwakuthi kuncedise ekubeni umngcwabo uqhube kakuhle.
Usodolophu uZangqa udlulise amazwi ovelwano kusapho esithi uxanduva bazakuthi baluthwale ucele nosomashishini ukuba bancedise . “Sothuke kakhulu yilento yenzekileyo sinethemba lokuba into enje yokusweleka kwabantu abahlanu ngesiquphe ayiphindi yenzeke,“ utshilo u Zangqa. Isikolo sase Thorha sigxwala emswaneni. Oyinqununu kwisikolo iThora u Mvuyisi Mxokozeli uthi isithwakumbe esehlele isikolo sakhe sibuhlungu kakhulu sokuze basilibale kusapho bathi ziphole ezontliziyo zityumkileyo

