Sivuziwe isibhedlele sase Allsaints eNgcobo
30 EyeNkanga 2023 – 06 EyoMnga 2023 – Yonela Mpaka
NGCOBO
Amafama aphantsi koMasipala I-Dr Ab Xuma athe ayonikeza ngemifuno kwakunye nemphahla kwisibhedlele sase All Saints. Eli phulo lokuphuma kwamafama eyokwenza utshintsho kwindawo ezigcina abantu ibengumbono wamafama onke ngenxa yesivuno esihle athe asifumana. Ngamafama angapha kwamashumi amabini athe anikela ngemifuno.
Ukunikela kwisibhedlele sase Allsaints yeyonanto ithakazelelwe kakhulu ngabo bakwisibhedlele esi. Umama uLoqo Nomvuyo ojongene namafama avelisa imifuno uthi kudala befuna ukhe bayobonakalisa  kwezindawo zinabantu abadinga ukutya ngokwenene. Sidibene singamafama sathi makhe siyoncumisa abo bagulayo esibhedlele khebaphekelwe ukutya okunemifuno kongezwe kulonto ibikade ikhona, siziva sonwabile xasiwenze lomsebenzi wayimpumelelo, ikhwelo silihlabe akwabikho nomnye ofuna ukusala ngemva abantu bakhupha kangangoko banako, sikwacela singamafama khesincediswe kulento yentengiso izikolo ezikufutshane siyazibongoza khezithathe imifuno kuthi kuba kunganjalo singathi gqolo nokuya nakwezinye indawo siyonikela, “ utshilo umama uLoqo ongumfama. Uvuyo olubonakaliswe ngabaphathi besibhedlela kwanabo baxelenga kuso belungathetheki.
Ongu Ceo u Dr Mqgadane Loyosi  uthi indwendwe ezimana ukufika kwisibhedlele esi ziyabancedisa kakhulu kuba bashiya izinto ezibaluncedo kakhulu. “Siyafuna ukuthi kumafama lento bayenzileyo yokucinga uba bazosipha izinto ziyayithakazelela kakhulu sifuna nokuthi kubo sakubaxhasa xa kufike ixesha kuba xa sincedisana sisonke singanqoba kwizinto ezininzi, ewe isibhedlele sithwala abantu abaninzi abasuka kwezilali zase Ngcobo kungoko sibanothakazelelo olukhulu xakumane kusithiwa nqo,“ utshilo uCeo u Mgqadana.
Ongumhlali kwindawo le nongekudanga kuyaphi kwisibhedlele esi umama uNomkhitha Vuzile ulincomile kakhulu igalelo lamafama esithi ingase emane esithi gqi ayonikela kuba naye uthi uyabona kuyadingeka ukumane kuyoxhaswa ngezinto ezithile.


