EducationLocalNews

Baphume emagqabini kuManzana eNgcobo

Abafundi besikolo samabanga aphezulu I Manzana  kwidolophu yase Ngcobo nabebesenza ibanga leshumi bathe bapasa ngo 94,4 wepesenti ntoleyo ebavuyise ngendlela engathethekiyo. Esisikolo sithe sanabafundi abawunyuse kakhulu umgangatho kubo kukho abo babuye no 100pesenti kwizibalo nakwezinye.

Ongumfundi obesenza ibanga leshumi u Onalo Gcanga uthi bekufundwa kakhulu lingekho ixesha lokudlala bengena iclasi zabucala . “Asothukanga ziziphumo kuba wonke umntu ebezimisele sincediswa zititshala zethu kungekhomntu udlalayo nangoku sipase ngendlela ebesifuna ngayo, abanye bebehlala  apha esikolweni zikhona ezongxakanyana kodwa inxaso esiyifumene kubazali yeyona ibangele sibute neziziphumo siyababulela kakhulu asithethi ngetitshala zona umsebenzi eziwenzileyo asikwazi nowufanisa nanto ubumhle kakhulu,“ utshilo u Onalo Gcanga Ititshala bezigcwele ndawoyonke zibhiyozela ebezikulimie.

Oyinqununu kwisikolo saku Manzana uChwayita  Sondlo uthi bekungalalwa abantwana befunda incwadi zabo bencame yonke into abazali nabo besiza kroqo kwintlanganiso xasibabiza. “Sonwabe ngendlela engathethekiyo kuba iziphumo ezinje asikaze sibenazo sothuke kakhulu, kodwa ndifuna ukuthi kwabo bangaqhubanga kakuhle baphinde babuye ithuba lisekhona bangalilahli ithemba, kwabo baphumeleleyo baziphathe kakuhle kwindawo abaya kuzo bahlale beyazi imfundo iza kuqala bangalibali apho basuka khona,“ utshilo uSondlo. Abazali kwakunye nabo baxhasa isikolo esi bavuye kakhulu ziziphumo zabafundi bebanga leshumi.