BusinessLocalNews

Abathutha abantwana besikolo bazakuthi xha de babhatalwe 

Intatheli: Monwabisi Khininda

Mthatha: Oonotekisi abanikeza ngenkonzo yokuthutha abantwana besikolo eMthatha bagrogrisa ngokubeka phantsi izixhobo de babe bayabhatalwa. Elinyathelo lingachaphazela ukungahambi kakuhle kwenkonzo yokufunda nokufundisa kuba abantwana abaninzi baxhomekeke kwezi tekisi. Usekela Sihlalo weProvincila Taxi Interim Task Team uMxhosa Sobazile utyhola ngelokuba kudala bekhalazela ukungabhatalwa ngethuba lisebe lezeThutho eMpuma Kapa kodwa bangaboni manyathelo athathwayo ukulungisa le ngxaki.

USobazile uthe zinyanga zine bengabhatalwa lisebe ”Sinengxaki, abasebenzi bethu banenyanga zine bengahlawulwa. Kunzima nokuba sihoye izithuthi zethu ziphelelwe ngamavili ezinye azikho mgangathweni ngenxa yokungabinamali.

Ukusukela ngoMvulo waleveki akukho kwazithuthi ezizothutha abantwana besikolo. Asizukwenza luqhankqalazo kodwa sizoyirhoxisa inkonzo yokuthutha abantwana besikolo.I itekisi zethu zizophindela ezirenkini.” U-Unathi Binqose othethela isebe leZothutho eMpuma Kapa uthi bamaxhaphetshu besebenzela ukuba babhataleke oonotekisi abathutha abantwana, kwaye basezingxoxweni nabanikazi zitekisi ezithutha abantwana ukuba bangade babeke phantsi izixhobo kuba elonyathelo lakuchaphazela kakubi inkonzo yokuthuthwa kwabantwana besikolo.