Umbhinqiso uncedisana namazibazana.
By: Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein

“Lixesha eli kwabanye ilelonxunguphalo, kwabanye ilelokonwaba nokuvuyisana nezihlobo kwanezalamane ngokwezinto ngezinto ezenzekayo; iziyunguma, imisitho kwanemigcobo. Kaloku abanye abantu bayolusa amakhwenkwe bewenza amadoda. Kwabanye ke ukwenza oku kungumcelimngeni oliqhina elingumnqantsa ukuwunyuka kuba iintsiba zokuhlangabezana neendleko azitsho okanye azaneli ekuhlangabezaneni neendleko. Yintoni ke ebakhupha kulongxingongo abantu? Impendulo: ‘ngumbhinqiso’.
Yintoni umbhinqiso?”

Umbhinqiso yinkqubo apho abantu abangamakhosikazi bedibanisa abanako ukuncedisana nalo ikhosikazi elizakuthi libenomsebenzi wokwalusa okanye ukwendisa, mhlawumbi ke nokuthombisa. Oku kukuqumana kwamanina esenzela ukuba inina elo elizakuba naloomsebenzi okanye esosici lincediseke ngeendleko zomsebenzi lowo. Bekunjalo nalapha kwaMama uMemani, amaNina abehlangene kwikhaya lakhe ukuza kumxhasa ukulungiselela umsebenzi azakuthi ajongane nawo wobuzibazana.


