UMthatha likomkhulu lobugebenga
Monwabisi Khininda
Idolophu yaseMthatha eyayifudula ilikomkhulu lephandle laseTranskei, ngoku ijike yalikomkhulu kumatyala okubulala nokudlwengula.Kwiphondo leMpuma Kapa uMthatha unkqenkqeza phambili kula matyala anobuzaza. Xa kujongwa inkcukacha manani kuzwelonke uMthatha umi kwindawo yesibini kumatyala okudlwengula ze ubekwindawo yeshumi nesithathu kuzwelonke kumatyala okubulala.
Oku kuvezwe ziinkcukacha-manani zekota yokugqibela kunyaka ophelileyo. Le kota iqala ku-Okthobha 2023 ukuya kuDisemba 2023.Ezi nkcukacha manani zibhengezwe nguMphathiswa woKhuselo Loluntu ephondweni uXolile Nqatha ngoLwesine weveki ephelileyo, eMthatha.Kwelinye icala iLusikisiki ihleli kwindawo yesibini ngokudlwengula ephondweni loogama ikwindawo yesine kuzwelonke.
UMkomishinala wamapolisa ephondweni uLieutenant General Nomthetheli Mene uthi kule kota eli phondo likwazile ukwehlisa ulwaphulo mthetho olunobuzaza njengoko belandela kwiphondo iMntla Koloni ukwenza njalo. Uthe oku kuthetha ukuba isipolisa senza ngendlela encomekayo ukuqwalasela ezona ndawo ziyingozi kweli phondo.
Ethetha kulo msitho uMpathiswa uNqatha uthe: “Njengorhulumente wephondo sixhalabile lulwaphulo mthetho olujoliswe kumanina nabantwana.Sakuphinda-phinda amandla ethu ukulwa nesi sihlava.” UNqatha uthi amapolisa akwazile ukwehlisa amatyala okubulala ngo 2.7 % kodwa uMthatha ubonise imiceli mingeni njengoko iyeyona ndawo kubulawa kakhulu abantu ephondweni.
Ngokwephondo amatyala -okuzama ukubulala ehle nge.9.8%
-Amatyala okubetha ehle ngo- 2.8%
-Amatyala okudlwengula ehle ngo- 0.2%
-Amatyala okuxhaphaza ngokwesondo ehle ngo-3.5%
-Amatyala adibanisele nezesondo ehle ngo-0.1%
-Ukuxhomisa kwehle ngo-4%
Uthe ukwehla kwamanani kubonakalisa ukuzinikezela kwamapolisa ekulweni ngempumelelo ulwaphulo mthetho.