CommunityNewsSports

Uqalile umjikelo wokuqala weNdebe kaSodolophu

Anele Raziya – 25 kuTshazimpuzi 2024

Umasipala waseMbhashe eDutywa ukhuthaza ulutsha ukuba lubeyinxalenye yeemidlalo kwaye luhambele kude kwinto edibene nokusebenzisa iziyobisi.

Konke kulandele emva kokuba umasipala waseMbhashe ejikeleza zonke iiwadi ezingaphantsi kwakhe esindleka imidlalo yendebe kaSodolophu (Mayor’s Cup).

Injongo zalemidlalo kukhuthaza ulutsha emidlalweni entlobo-ntlobo kwaye ikwazinzame zokuphuhlisa imidlalo ingakumbi kwindawo ezisemaphandleni.

Kwiveki esisuka kuyo ngoMgqibelo kwibala laseNgxakaxa cebu kuhle nedolophu yaseDutywa, umasipala ebebambe imidlalo yokuzilungiselela indawo kwimidlalo yamangqibela kankqoyi.

IbiziWadi ezilishumi elinesibini (12) ezingaphantsi lweDutywa ebezikhuphisana kwibhola ekhatywayo kunye nebhola yomnyazi (netball)

UWadi 9 kwibhola ekhatywayo uye waphuma phambili emva kokuba ebethe wonke amaqela ebekhusana nawo lonto yathetha ukuthi uza kudlulela kwisigaba elindelayo kule tumente kaSodolophu.

UWadi 1noWadi 31 bona bazenzele ibhali kwibhola yomnyazi xa bebetha wonke amaqela ebebedlala nawo, impulelo yabo ibanike ithuba lokuba nabo babeyinxalenye yesigaba esilandelayo sale tumente.

Kule mpeveki siya kuyo ngoMgqibelo, umasipala uzakuba eseXhorha nalapho zonke iiwadi ezingaphantsi kwale ndawo zizokhuphisana kwimidlalo efana neyebhola ekhatywayo, ibhola yomnyazi kunye nevolleyball.

Kuphinde ngomhla wesine kwinyanga (4 May) ezayo umasipala usindleke imidlalo yokugqibela yokuzibekela indawo kwindebe kaSodolophu kwimidlalo ezakubanjelwa eNqadu kuGatyane.

Nalapho iiwadi ezingaphantsi koGatyane zizonikwa ithuba lokuba zikhuphisane kule midlalo intlobo-ntlobo.

Onke amaqela aqhube kakuhle kule midlalo yeengqingi aza kuzibeka ethubeni lokudlala kwimidlalo yamagqibela kankqoyi ezakubanjelwa kwibala elingekabhengezwa okwangoku kwaye nosuku alikaziswa.

Kunyaka ophelileyo imidlalo yamangqibela kankqoyi yendebe kaSodolophu yayibanjelwe kwibala iNgxakaxa elizinze kufutshane nedolophu yaseDutywa kwaye kwakubizwe noDj abafana noPastor Nozewu woMhlobo Wenene FM kunye nabanye ukuba bazokonwabisa abathandi bezemidlalo.

UMbhashe uyisindleka lemidlalo ngenjongo zokuba negalelo kuphuhliso lwezemidlalo ingakumbi kwindawo ezisemaphandleni kwaye ekwarhweba nolutsha kwiziyobisi nakwizenzo zolwaphulomthetho.

Indawo yaseMbhashe yenziwa zidolophu ezintathu eziquka uGatyane, Xhorha neDutywa kwaye isoloko ivela kwiziganeko zolwaphulomthetho xa kubhengezwa ichukankca manani zephondo zolwaphulomthetho.

Ukubulalana kwabantu, ukudlwengula kwabantu nempatho gadalala ngakumanina zezinye zeziganeko ezimane ukwehla eMbhashe kungoko umasipala esenza kangangoko enako ukuchutha ulwaphulo mthetho encedisa inkonzo yesipolisa.