AgricultureBusinessLocalNews

Amafama avelisa ubusi aphiwe iibhokisi zokuhcina iinyosi eNgqushwa

Yonela Mpaka – 25 kuTshazimpuzi 2024

Amafama obusi angamashumi amahlanu ananye (51) aphiwe iibhokisi zokugcina iinyosi yiArhente iMineworkers development agency ibambisene nomasipala waseNgqushwa kwiveki ephelileyo.

La mafama avelisa ubusi eNgqushwa aye abulela kakhulu kumasipala nale arhente kwaye esithi amashishini wawo wobusi azokhula ngakumbi ngoku.

Ziibhokisi zingama600 eziye zaphiwa amafama yile arhente kwaye yathembisa ngokuba iza kuthi gqolo iwaxhasa ukuba umsebenzi wawo uqhubeka uncomeka.

IMineworkers Development Agency (MDA) ithe yona ihlala ilandelela bonke oomasipala abancedisayo kwiphulo lokuvelisa ubusi kwaye ukuba imveliso iphucukile baye bakhuthazeke ukuba bancedise amafama kwabo masipala.

Emveni kokubona inkqubela phambili yala mafama wobusi, iMDA iye yawapha iibhokisi zokuba aqhubeke egcina iinyosi zawo kwaye evelisa ubusi.

Le arhente iqhube yathi ikhuthaza amafama ukuba onyuse imveliso yobusi ngezibhokisi aziphiweyo.

Usodolophu waseNgqushwa obeyinxalenye yalo msitho, uSanga Maneli uye wabulela iMDA ngenkxaso yayo kwaye ebululela namafama ngokwenza umsebenzi oncomekayo wokufuya iinyosi kuba ngoku kude kwabe kwakhiwa iHoney Processing Plant kwaye sele kukufutshane ukuba ivulwe ngokusesikweni.

“Igalelo esilifumanayo liyasivuyisa kuba kaloku sasithe ukuze ishishini lisebenze kakuhle kufanele ukuba kukho 1000 yebhokisi kulo mcimbi wokufuya iinyosi,” kutsho uManela.

Uthe uvuyiswa nayilento yokuba abantu abadala ngabo abaninzi kula mafama afuye iinyosi kwaye wathi unqwenela nolutsha lubeyinxalenye.

“Sibulela kakhulu ku MDA ngokuphuhlisa abantu baseNgqushwa, sifuna kubekho ihlumelo, ingaze icime le nkqubo yophuhliso kuba bobunye ubutyebi esinabo,” uqhube watsho.

Bongani Stamper ongumfuyi weenyosi, uye wabulela naye kumasipala nakuMDA ngelithi ukuhluma koluntu kuqala kuvimba wendalo(Natural Resource) kwaye wathi bayayibona inkxaso abayifumana kumasipala nakuMDA, kwaye bayayibulela.

Uvalelise ngelithi esi sisiqalo sokuninzi okuzayo kwaye bonwabile kuba iminqweno yabo ifezekisekile.

Abahlali noceba wendawo beneyinxalenye yalo msitho oshiye uchlumancise wonke umntu kwaye ukuveliswa kwezinyosi kulindeleke ukuba kube negalelo kuqoqosho lwaseNgqushwa.