Urhulumente waseMpuma Koloni uzimisele ukuqhubela phambili uphucula umngangatho wezakhiwo kwizikolo
Anele Raziya – 25 kuTshazimpuzi 2024
Urhulumente waseMpuma Koloni okhokelwa yiNkulumbuso uOscar Mabuyane uzimisele ukuqhubela phambili uphucula umngangatho wezakhiwo kwizikolo zephondo.
Kwiveli ephelileyo ngoLwesine, uMabuyane ekunye noMphathiswa wezeMfundo ephondweni, uFundile Gade baye banikezela ngokusesikweni isakhiwo esitsha kraca sesikolo samabanga aphezulu, iTyali Senior Secondary school kubahlali belela ikwaMaxhama kuCentane.
Ukunikezelwa kwesi sakhiwo sitsha kraca kuyinxalenye yesithembisa sika rhumente wephondo sokutshabalalisa zonke izikolo ezingekho semngangathweni.
Kwiminyaka edlulileyo urhumente waseMpuma koloni ebesoloko eyibeka elubala ukuba ukwinzame zokutshabalalisa zonke izikolo zoodaka ephondweni.
Ukanti nokungena kuka Gade njengo mphathiswa wezeMfundo uye waqinisekisa ukuba ngokwenene isebe urhulumente uhambela phezulu esakha izikolo ephondweni ngenjongo zokuphucula indawo abafundela kuyo abantwana.
Ethetha kumsitho wokunikezela uMabuyane uthe urhulumente usazimisele ukudlala igalelo elubonakalayo kwicala lokuphucula imeko yezikolo zephondo kwaye uphuhliso noluntu ingakumbi olo lungathantweni.
Esi sikolo uthe sakhiwe ngokwelixesha siphila kulo njengoko sinamagumbi obuxhakaxhaka balemihla (computer rooms, media centres and three science laboratories) kwaye kukho namathala wencwadi amathathu (three libraries).
Ukanti kukho namagumbi wokutyela abafundi nootitshala besikolo.
Sibiyelwe ngocingo esi sikolo kwaye sifakelwe nombane ntoleyo ebonakalisayo ukuba sokhiwe sakwizinga eliphezulu.
Oka Gade ngexesha ethetha yena, uye wacela abahlali ukuba isikolo sabo basikhusele kwizaphuli mthetho kwaye wathi bengurhulemente sele bokhe izikolo izikolo eziyi98 kuzo kuqula nezi15 abazokhe kwingingqi yeAmathole.
Uthe zikhona nezokhiwe kwingingqi yaseOR Tambo, Alfred Nzo, Joe Gqabi, Nelson Mandela Bay, eSarah Baartman naseBuffalo City.
Kungekudala uthe bazakunikezele ngezikolo nakwezinye iingingqi zalapha eMpuma Koloni.
Usodolophu waseMnquma uTunyiswa Manxila-Nkamisa uye wabulela kakhulu kurhulumente wephondo ngokuthi gqolo encedisa kuphuhliso lwaseMnquma.

