LocalNews

‘Sizisa inkonzo eluntwini

20 kuCanzibe 2024 – Yonela Mpaka

UMphathiswa weSebe Lezempilo umama uNomakhosazana Meth ephelekwe ligqiza lakhe batyelele kwisibhedlele sase AllSaints ukuzonikeza nge wheelchair kuzovulwa negumbi elizakuthi lincedise kwicala labantu abangevayo nabo bangaboniyo. Oku kuqhubeke emva kwentsuku ezine bekulomasipala besiya ezilalini ukuyojonga ingxaki zabantu kwicala lempilo.

Ngamalungu amahlanu osapho olunye athe afumana kwezi Wheelchair nahlala kwilali yase Sundwana kwalapha eNgcobo. Olu sapho lonke luphila sisibonelelo sikarhulumente. Umphathiswa wesebe eli umama uMeth uthi baqale lenqubo kuba bafuna ukusa inkonzo eluntwini befuna nokuphungula umthamo othwala sisibhedlele esi.

“Sizise  igumbi labo bangevayo nabangaboniyo bancediswe ngokuxilongwa  bayeke ukubheka komaMthatha, sijonge ikakhulu nabantu abakhubazekileyo kuba sifuna ingabingathi babekelwe bucala kungoko sibone masingenelele sincediswa  yinkonzo yabangcwele,sinikeze ngezixhobo zonke ezizoncedisa kweligumbi, sanikeza ngezizitulo kulosapho kuba sifuna bayazi abalityelwanga imeko yabo siyihoyile, sithi kubantu base Ngcobo mabaphume ngobunintsi bazoxhamla kulenkonzo intsha kraca,” utshilo umphathiswa weSebe Lezempilo uNomakhosazana Meth.

Iwheelchair ezintsha kraca nezikudidi oluphezulu zilwenze lonwaba usapho lakwa Tshayangezitho nolubongoze ukuba urhulumente bacela ancedise kwicala lendawo yohlala kuba belolusapho kunzima ukuxinana kwindlu enye nayo engelho semgangathwen.“

Siyawenza umbulelo kakhulu kwisebe elithe lasibonelela kona imeko ayintlanga tu kwaphela siphila kanzima kuba sikwindawo ekude kakhulu nedolophu,amancedo wona siyawacela,” utshilo uNomfusi Tshayangezitho. Ibandla Labangcwele phantsi ko President utata uMahlangabeza  ushiye amazwi athi basezakuthi gqolo ukuncedisa nabatu de ubomi babantu bubengcono.