Community

ONESAKHONO SOKUBAliSA IINTSOMI, UKWAYIMBONGI EPHUM’IZANDLA

Ngu:Ntsikelelo Jonga
Kraaifontein

USihle Dolophini nodume kakhulu ngegama “Inzima” wazalwa ngomnyaka ka 1996 kwinyanga yeSilimela ngomhla wesi-,
ezalelwa kwisithili sase Lady Frere kwilali yaseMtsheko, eMishini.
Ukhuliswa ngumakhulu wakhe, apho wasincanca khona isakhono sokubalisa iintsomi kwakunye neemfundiso zokulola indoda ibelisolotya.

Wenze amabanga wakhe aphantsi kwisikolo sase Glen Adelaide J.S.S apho isakhono sakhe sobumbongi sazibonakalisa khona phantsi kwesandla somfundisi zintsapho wakhe ongasekhoyo ogama T. Mthalaliso ngomnyaka ka 2006.

Eselapho eGlen eLady Frere ubongele isebe lwezemfundo yase Lady Frere(Department Of Education) emane ukusetyenziswa njengembongi kwimisitho ebelisithi liyibambe.

Kulapho wacholwa khona ke lisebe le “Chriss Hani Writers Association” eseKomani ukuba abengomnye wababhali bayo.
Waze ngomnyaka ka 2011 wayokulimela eRhini kwi Grahamstowns National Arts Festival.

Ngo 2013 ubaleke iimfazwe zamakhwenkwe.