Iqhinga elitsha lokulwa ubusela bemfuyo kuTsolo
27 Canzibe 2024 – Monwabisi Khininda
Urhulumente wephondo leMpuma Kapa usungule inkqubo entsha yokuzama ukunqanda ulwebiwo lwemfuyo. INkulumbuso uOscar Mabuyane ephelekwa nguMphathiswa weSebe loPhuhliso lwamaphandle kweli phondo uNonkqubela Peters noXolile Nqata woKhuselo loLuntu batyelele kwilali yakuJengce, eLujecweni kuTsolo ngoLweishlanu ukuyosungula lenkqubo ebizwa Livestock Identification and Traceability System (LITS).
Ngokutsho kukarhulumente eli phondo lilahlekelwe yimali eqabele kwi-R1.3 billion kubusela bemfuyo. Iinkcukacha manani zikaZwelonke ezikhutshwe yiNational Stock Theft Prevention Forum zibhence ukuba yimfuyo engaphaya kwe-14000 eyebiwe eMpuma Kapa kusukela ngo-2021. “Ukuphehlelelwa kwale nkqubo yokuphawulo imfuyo kuzoncedisa ukunqanda umkhuba ogunyileyo wolwebiwo lwemfuyo. “Umfama kufuneka ayazi le nkomo yekabani, izelwe nini, yaneziphi izifo yancedwa ngantoni. Sele sibambe amasela ayi-2000 kodwa kwelo nani kugwetywe 700,” kutsho uMabuyane.
Le nkqubo ye-LITS izoxhamlisa amafama ayi-120 loo gama imfuyo eqabele kwi-30000 izophawulwa kweli phondo.Urhulumente uthi le nkqubo izonika i-R5 yezigidi ngonyaka.UXolile Nqata wesebe loKhuselo loLuntu uthe: “Kwiveki ezimbini ezidluleyo besibambe imbizo Esulenkama sishukuxa ubusela bemfuyo. Siyavuya kukukhula kwentsebenziswano yamafama norhulumente.
Amasela anezixhobo zokweba kungoko kufuneka sixhobile nathi.” Umfama uMzimeli Yelo uthi ukufakwa kwelicicic endlebeni ayibobuchule ncam kodwa inganceda xa ikhawuleze yafunyanwa imfuyo. Uthi nangona kunjalo bayalincoma eli linge likarhulumente benethemba kananjalo ukuba lizakubuthibaza ubusela bemfuyo. Ezi nkomo zifakwa itag endlebeni nomtshiso okhethekileyo.


