Arts & CultureNews

Isibhedlele saseMadwaleni sizakwandiswa

27 Canzibe 2024 – Anele Raziya

Urhulumente waseMpuma Koloni ubekele bucala imali engange R560 million ukuba kuhlaziywe isibhedlela esiseMbhashe i-eMadwaleni hospital kweziveki zizayo.

Kwiveki ephelileyo uMphathiswa ojongene nesebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth, noSomlomo weBhunga laseMbhashe, uCeba uBabalwa Majavu baye baphethula isoyi kwisibhedlela eMadwaleni hospital kwaye bazisa nenkampani ezakwenza umsebenzi wokwandisa nokuhlaziya isakhiwo sesibhedlele.

UMeth uthe umsebenzi wokwandiswa kwesi sibhedlele kulindeleke ukuba urhathe iinyanga ezingamashumi amane anesibhozo (48) ukuze ugqitywe.

Uthe izithuba zeemisebenzi eziqikelelwa kuma250 nangaphezulu kulindeleke zivele xa kuqhuba ukwakhiwa kwamanye amagumbi wesibhedlele.

weli cala liza kongezwa kulindeleke ukuba kungene iibhedi eziyi160, kubekho imaternity ward, theatre and CSSD, pharmacy, rehab, and VEC, mortuary, kitchen, accommodation blocks, male and female wards, laundry facility, gate house, plant room, workshop, administrative buildings, TB wards and laboratory building and medical waste kunye ne refuse room.

Uqhube wathi kuzolungiswa iizititshi zamanzi, umbane, imfono-mfono, icingo kunye nezinye izinto ekumele zilungiswe.

UMeth uthe urhumente uzimisele ukuzisa iinkonzo ebahlalini ingakumbi abo bahlala kwindawo ezikude kuneedolophu.

Isibhedlele saseMadwaleni hospital sizakuhlaziywa sibekumngangatho wezakhiwo zale mihla zika rhulumente.

Ukwandiswa kwesi sibhedlele kuza kunika nenkampani ezincane ithuba lokuba nazo zibeyinxalenye yomsebenzi kwaye nolutsha lwaseMbhashe kunye neendawo ezingqongileyo lizakuxhamla kumathuba weemisebenzi.

USomlomo weBhunga, uMajavu uhlabe ukhwelo kubahlali ukuba basebenzisane nale nkampani iza kwakha isibhedlele kwaye bagade nabo bazakufuna ukubhoxa ngenjongo zobusela okanye ukonakalisa.

Ukuhlaziywa kweMadwaleni hospital kuzonceda abantu abaninzi eMbhashe abadinga uncedo lwezempilo elikwizinga eliphezulu njengoko bezakuyeka ukuya eMthath okanye eGcuwa.