Kukhangelwa nangaphantsi kwezicithi indoda ebulele ebithandana naye.
Intatheli: Ntsikelelo Jonga|Kraaifontein

Iyafunwa ngamapolisa indoda yomSuthu ebulele intombi ebithandana nayo yaze yayingcwaba etyotyombeni eKraaifontein eKapa.
Abahlali base Kraaifontein kumatyotyombe ase Covid eBloekombos bashiyeka bebambe ongezantsi emva kokuba kwafunyanwa umzimba wenina ungcwatyelwe endlini.
Lomzimba welinina ongekaxelwa ufunyenwe kwiveki ephelileyo ngomgqibelo nalapho unyana womnini wendlu ekufunyenwe umzimba inguye oweva ivumba elingaqhelekanga.
Umfana lo kuba uMama wakhe ongumnini wendlu wayeyishiye kumntu angamaziyo ukuba wayotshonaphi. Waqhawula iqhaga waze wafaka unyana wakhe kuba unyana wayefuna igumbi lokuzimela.
Unyana ekufikeni kwakhe waye walala kwelityotyombe kubusuku bokuqala engaqaphelanganto. Kuthe kobunye ubusuku wava ivumba elingaqhelekanga nelamvusa labangela ayokulala komnye umhlobo wakhe. Kulapho wabiza abantu ukuphanda ngelivumba ukuba litshophi.
Baye bakhangela baze bafumanisa ukuba phantsi kwesofa kukho umntu ongcwatyiweyo. Oko kwabangela bothuke abantu nalapho bafumanisa ngumzimba wenina nobenevumba uqalisa ukubola.

