Babuyekeziwe osomashishini eNgcobo
03 Isilimela 2024 – Yonela
Umbutho we Sanco nongumbutho wabahlali kumasipala iDr AB Xuma utyelele kwivenkile ezimbini uyonikeza nge zetifikethi kubaphathi bakhona. Oku kuza emva kokuba umbutho lo ufumana ukuxhaswa zezivenkile ingakumbi kwicala lokuphuhlisa abantu abatsha baledolophu .Imidlalo ethi iqhube kuledolophu ekufuneka kuyo ukuba kunikezwe ngezinto ezivenkile azisokolisi nganto.
Zikhe zaxhasa kubantu abatsha abebeyodlala kwidolophu yase Monti besuka kwalapha eNgcobo. Ongomnye wabaphathi kwezivenkile uBerry uthi ababoninto isokolisayo kuba uphuhliso yeyonanto bafuna ukuyibona kuba ulutsha lujongene nemiceli mngeni emininzi.Sibaxhasa kuba nabo bayasixhasa kumashishini wethu ngaphandle kwabo alukho ushishino,sikwathembisa ukuba ngekhe sibalahlele izandla xa befuna uncedo bangeza noba kunini bamnkelekile,“ utshilo u Berry nongomnye wabanikazj bevenkile.
Umbutho we Sanco nongumbutho wabahlali ubuqala ngqa ukunikisa ngezetifikethi kosomashishi. Okwisikhokhelo uMcebisi Mgudlwa uthi bayancedwa kakhulu zezivenkile kuba qho beyonqonqoza ababuyi belambatha kungoko bebone ukuba mayikhe ibekhona into abayenzayo. Sifuna uhlaba ikhwelo nakwabanye osomashishinj ukuba xa sicela kubo basamnkele kuba izinto ezenzekayo neziphuhlisa abantu abatsha azinqabi nathi singulombutho sifuna inqubela phambili, “ utshilo uMgudlwa. Umbutho we Sanco ukhe wavulela abantu abatsha imisebenzi phantsi kwenqubo ethi You belong!


