AgricultureLocalNews

Bafumene amanye amatanki wamanzi abahlali belali iKalani

30 uCanzibe 2024 – Anele Raziya

Kwiveki ephelileyo abahlali belali iKalana (ward3) eNgqushwa baphinde bafumana amanye amatanki wamanzi kumasipala waseAmathole ebambisene neArhente ebizwa Aspire development agency ngenzame zokuqubisana nokunqaba kwamanzi kule lali.

Kunyaka ophelileyo umasipala waseAmathole okhokelwa nguAnele Ntsangani njengo sodolophu waye wanikezela ngamatanki amahlanu kule lali emva kwezixholoxholo zabahlali ebabeqhankqalazela ungabina namanzi.

Emveni kokuba enikezele ngalo matanki uNtsangani waye wathembisa ilali iKalana ukuba bazakwenza icebo lokuba bayitsalele amanzi eSandile dam ekwalapho eNgqushwa.

Kodwa kuye kwabonakala ukuba elo cebo lokutsalwa kwamanzi lingathatha iinyanga ezilishumi elinesibini ukuya kwishumi elinesibhozo.

Kwiveki ephelileyo ngoLwesine, umasipala waseAmathole noAspire baphinde babuya kwakhona bezokunikezela ngamatanki amabini ukongeza kulawo sele benikezele ngawo kunyaka ophelileyo.

Ethetha kumsitho wokunikezela, eNtsangani uthe bengumasipala banoxanduva lokuqinisekisa ukuba abahlali bayaxhamla kwinkonzo kwaye nabo basebenzisana neAmatola Water Board uqinisekisa inkonzo zamanzi ziyafikelela kuluntu.

Uthe kunyaka ophelileyo babecwagcisele ukutsala amanzi eSandile dam kodwa babona ukuba lonto iyakuthatha ixesha elide, batsho bakhangela icebo elikufutshane lokuhlangula uluntu lwaseNgqushwa ngokuthi banikezele ngamatanki.

Uqhube wathi lamatanki azakunceda zonke iingingqi ezidinga amanzi eNgqushwa kwaye nabo bengumasipala bazakuqinisekisa ukuba ayatsalwa amanzi ukusondezwa ebantwini kungekudala.

Obebambe njengo sodolophu waseNgqushwa ngolusuku, uSiphokazi Ntlakani uthe bayalubulela ungenelelo lwaseAmathole njengoko ilali iKalana iyeyona ijonge nomcelimngeni omkhulu wokunqongophala kwamanzi.

Uthe banethemba lokuba umasipala waseAmathole uzakuliphumeza nesi sicwagciso sokutsala amanzi eSandile dam.

Abahlali belali iKalani kunye nenkosi yakhona bathe bangavuya nokuba urhulumente angaphinde ongeze amanye amatanki ngalo mzuzu bengekawatsalelwa amanzi.

Umsitho ubuzinyaswe ngabahlali, amalungu abephuma kwiArhente Aspire, ooceba baseNgqushwa kunye neAmatola Water Board.