Basawufuna umbutho we ANC ulawule
10 Isilimela 2024 – Yonela Mpaka
Umbutho olawulayo kumasipala iDr AB Xuma ngowona abantu ababonakalise umdla kuwo. Oku kuvele ngethuba bekugaywa inxaso kwilali zalomasipala.
Amavolontiya kwakunye nenkokheli zalombutho oko zazimangxadangxada zingena umzi nomzi zicela abantu ukuba bayobonakalisa ilungelo labo ngokuthi bavote .Abantu bebephume ngobunintsi kwilali zase Ngcobo bethe bhazalala ukuyovota.
OnguNobhala kulombutho apha eNgcobo uMbongeni Tyhantsi uthi izinto zihambe kakuhle abantu balisabele ikhwelo bavote kangangoko bebenako. “Ingxaki ezikhoyo abantu abasoloko bekhala ngazo siziqwalasele singulombutho sifuna ukwenza ngcono,indlela ekukhalwa ngazo nebhulorho sikwiphulo lokuziqubula zenziwe, sifuna ukuthembeka kwakhona ebantwini asifuni bazisole ngokuvotela thina singulombutho,kwabo basincedisileyo kuquka kubo amavolontiya ombutho sibamba ngazo zozibini,” utshilo uTyantsi onguNobhala kumbutho we ANC eDr AB Xuma.
Abathe bavotela lombutho bathi ithemba likhulu kakhulu bajonge ukwenzelwa izinto ngumbutho lo.Ongumvoti nohlala kwilokishi yase Masonwabe utata uMvulane uvakalise ukuba abazukuwuyeka umbutho wabo de wenze okulungileyo yiyo lonto bephinde bawunikeza ithuba ngokuthi bawuvotele. Umbutho lona ubonakele ukuba usafunwa ngabantu kakhulu nethemba lisekhona lokuba zakujika izinto.


