BAKATYILE OONQEVU ABAXHOMISE IZIGADLA
27 Isilimela (June) 2024 – 10 EyeKhala (June) 2024 – Monwabisi Khininda
Mthatha
Oonqevu abasithoba abexhomise izigadla ezibini kwidolophu yaseMthatha bakhe phantsi isitya sigcwele ngenxa yokusukela phezulu kwamapolisa. KuLwesibini weveki ephelileyo la madoda abexhobe ngemipu aqale ngokuxhomisa isithuthi soonogada aze asebenzisa eso sithuthi ukuxhomisa izigadla ezibini ebezisingise eFlagstaff. Kuvakala ukuba abanqevu baye bababophelela oonogada kodwa ngethamsanqa bakwazile ukuqwhesha baze babikela amapolisa.
Igqiza lamapolisa eliquka awakuTsolo,awe-POPS neMthatha Flying Squad ahlale ezithendeni kamva afumana ezi zigadla phezu komlambo iCorana phakathi kwelali yaseLukhanyisweni neyaseMisty Mount. Amapolisa afike kanye ngezesha besothula utywala nempahla.
Kuye kwakho ukuqhoqhozana ngeembumbulu oonqevu bevula indlela yokuba babaleke besebenzisa isithuthi soonogada, abanye babaleke batshona kwihlathi elikufuphi. Ngokwengxelo ezikhutshelwe amajelo eendaba akukho mntu ubanjiweyo kwaye amapolisa asaphanda.
