Ukunikezelwa kwamaxwebhu oBunini bomhlaba kubahlali baseMandela Park
27 Isilimela (June) 2024 – 10 EyeKhala (July) 2024. – Intatheli kaDizindaba
Ntshona Koloni
Kwinyathelo elibalulekileyo lokuxhobisa abaninimzi, iCandelo loLawulo lokuHlaliswa koLuntu leSixeko liye laqinisa iinzame zalo zokuhanjiswa kwetayitile. Ngomhla we-15 kweyeSilimela ngowama-2024, abahlali baseMandela Park bebengabo baxhamli bamva nje kwiphulo leSixeko eliqhubayo lokungena kwindlu ngendlu. Eli nyathelo lenzelwe ukukhangela abaxhamli kunye nokuhanjiswa kweencwadi zetayitile, ngokufuthi kanye kwiminyango yabo.
UCeba uCarl Pophaim, iLungu leKomiti kaSodolophu kuHlaliso loLuntu, ekunye namanye amagosa, bandwendwele eKhayelitsha beyokunikezela buqu ngezi ncwadi.
“Kuyandichulumancisa ukuba lapha eMandela Park nakwiindawo ezingaphaya komasipala ombaxa njengoko siqinisa iinzame zethu zokufumana abo baxhamlayo kwiiyunithi zeSixeko abangazange bazifumane iitayitile,” utshilo uCeba uPophaim. “Sityumbe umboneleli-nkonzo ukuba asombulule amatyala anzima kakhulu embali. Amaxwebhu etayitile angqina ubunini kwaye abalulekile ekudaleni imiyolelo kunye nokwenza isicelo semali-mboleko yebhanki, phakathi kwentaphane yentengiselwano yemali.”
UPophaim ukwakhuthaze abahlali ukuba bafikelele kwisiXeko ukuze baququzelele ukuhanjiswa kwetayitile ngqo kumakhaya abo. Ecinga ngempumelelo yoMngeni weFestive Deeds wonyaka ophelileyo, apho ngaphezulu kwe-1,000 leencwadi zetayitile zanikezelwa, ugxininise ukuzinikela kweSixeko ekwandiseni ezi nzame kwiinyanga ezizayo. “Masiqhubeke Sakha iKapa Sisonke,” wongeze watsho.
Iiarhente zobunini
IsiXeko simisele ii-arhente zetayitile ezibonakala lula ukuqinisekisa iinkcukacha zobunini. Nje ukuba iqinisekisiwe, abaninimzi kuya kufuneka baveze la maxwebhu alandelayo:
– I-ID yoMnini, kunye ne-ID yomlingani, ukuba ikhona.
– Isatifikethi somtshato, ukuba sikhona.
– Kwimeko yokusweleka kommkeli, iLetter of Authority kunye neSatifikethi sokuFa okanye uMyolelo.
Ukuba abahlali bayalikhumbula eli qela, banokuza namaxwebhu afunekayo kwi-Cape Town Civic Centre, 2nd Floor Human Settlements Kiosk. Ukufumana ulwazi oluthe vetshe okanye ukuqinisekisa ukuba semthethweni kwee-arhente, qhagamshelana no-021 444 0333, i-imeyile ethi title.deeds@capetown.gov.za, okanye undwendwele i-ofisi yezindlu yasekuhlaleni.
Isicelo se-imeyile yetayitile kufuneka sibandakanye:
– Isihloko: Inombolo yeSiza kunye neNdawo
– Umzimba we-imeyile:
– Igama kunye nefani (Igama apho itayitile ibhaliswe khona)
– Inombolo yesazisi
– Idilesi
Eli phulo liphawula elinye inyathelo elibalulekileyo ekuzibopheleleni okuqhubekayo kweSixeko ekukhuseleni amalungelo ezindlu nokubonelela ngamaxwebhu ayimfuneko kubahlali baso, ukukhuthaza ngakumbi uzinzo nokukhula kuluntu.

