Kudlwengulwe kwabulawa ngokungenalusini iNina
Intatheli: Ntsikelelo Jonga |
Ngentsasa yangoMgqibelo umhla wesi- 8 kwinyanga yeNkanga, kwafunyanwa umzimba weNina elinama-27 eminyaka I ubudala uxhaxhiwe. Kubonakala ukuba lahlatywa amanxeba ali-11 laswelekela apho kwaye kufumaniseke ukuba phambi kokuba libulawe, lidlwenguliwe.
Imeko yomzimba walo ngendlela elixhaxhwe ngayo ibeyemasikizi kakhulu nehambisa umzimba. Umbulali akakafumaneki kwaye amapolisa aphantsi-phezulu ekhangela nangaphantsi kwezicithi umbulali okwangumdlwenguli.
Eli Nina lishiya ngasemva abantwana abathathu. Izihlobo, izalamane nosapho zishiyeke zophukelwe kakhulu ngumphefumlo ngenxa yesisiganeko kwaye zifuna iimpendulo kwanobulungisa ukuze abenokugwetywa umbulali ekufumanekeni kwakhe.


