UPutco Mafani uxolisa kumaMpondo
15 EyeKhala (July) – 24 EyeKhala (July) 2024 – Monwabisi Khininda
“Ngxe kumzi kaFaku” – uyaxolisa uPutco Mafani emva kokuthi amaMpondo awalazi isiko lolwaluko. AmaMpondo aseMpuma Kapa athi igqala lomsasazi elinguPutco Mphuthumi Mafani malinikwe uphum’aphele lijelo losasazo i-SABC emva kokuba uBhutiza lo ethe: “Abantu basemaMpondweni nakwezinye iziphaluka ezihlutshwa kukubhubha kwabakhwetha kufuneka bafumane iworkshop zokwenza isiko lethu lolwaluko kakuhle.”
Uqhube wathi: “Sekusweleke 2 yabakhwetha kulo June mnye eNgqeleni abemnye ePort St. Johns.” Le ntetha uyenze kumakhasi onxibelelwano. Khange kuphele nemizuzu nje embalwa phambi kwesichotho sezithuko ezibhekiswe ngakuye ngamaMpondo. Kubekho nezisongelo zokunga angasoze alubeke unyawo lwakhe emeMpondweni.


