Imbaleki yaseGwadana uYanga Malusi ufumene inkxaso kumasipala
19 EyeKhala (July) 2024 – 24 EyeKhala (July) 2024
Umasipala waseMbhashe eDutywa ubonakalise inkxaso kwityedyana lomfana welali yaseGwadana uYanga Malusi odume kakhulu kwicala lembaleki.
Kutshe nje uMalusi oyinzalelwane yaseMbhashe ebethathe inxaxheba kumdyarho weembeleki obizwa TCS London Marathon nobubanjelwe kwilizwe laseNgilane. (England).
Nangona uMalusi wayeqala uyokubaleka kumdyarho ongaphandle kwilizwe lo Mzantsi Afrika kodwa wakwazi ukugqiba ephakathi kwamadoda alishumi awangena kuqala kumgama ozikhilomitha eziy42KM owawubalekwa.
Kwaye lonto yenza umasipala waseMbhashe wachulumanca kwaye wazingca ngeli tyedyana lomfana lalimele ilizwe lo Mzantsi Afrika kulo mdyarho.
Wathi ukubuya kwakhe eNgilane womkelwa ngezandla ezishushu ngumasipala kwaye wenza izithembiso zokumxhasa.
Kule veki uSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda ekunye noogxa bakhe bathe jize uMalusi ngempahla yokubaleka nokuziqeqesha kwezembaleki.
Uye wanikwa neteki ezikumngangatho ophezulu azakuyisebenzisa xa ebaleka emidyarhweni waphinda wanikwa ne supplements ezizakuncedisana nomzimba uhlale ukulungele ubaleka.
Konke oku kuqhubeke kwiofisi zaseMbhashe eDutywa. Ethetha kulo msitho, uJanda uthe banoxanduva bengumasipala lokuba baxhase abantu ababeka igama laseMbhashe ezimbalini kwaye nabangumzekelo kulutsha olusakhulayo.
“Sifuna uMalusi angaphelile ubangunozakuza wokuthengisa igama laseMbhashe ezizweni kwaye sifuna aphinde abesisibonelo kwabanye abantwana abasakhulayo,” uqhube watsho oka Janda.
Emva kokuba esomkele isipho sika masipala, uMalusi uthe uyibulela kakhulu inkxaso ayifumene eMbhashe.
“Thina zimbaleki eziphuma emaphandleni sikolo kakhulu kangokuba iteki ebendibaleka ngayo ibingandonwabisi kodwa lena ndiyifumenyo ikwizinga elifunekayo kwimbaleki,” kutsho uMalusi.
Uqhube wathi ukufumana kwakhe inkxaso kumasipala lonto izomkhuthaza ukuba azimisele nangakumbi kwicala lokubaleka lemigama mide.
Ngo Okthobha walo nyaka le mbaleki yaseGwadana kulindeleke ukuba iyobaleka eNtshona Koloni kumgama oyi42KM Sanlam Cape Town Marathon.
Kangangokuba uMalusi uthe sele kudala eqhuba namalungiselelo walo mdyarho kwaye nomasipala uthe umnqwenelela okuhle kodwa.


