Iziko losasazo i-UCR FM lonwabise abadala
25 EyeKhala (July) 2024 – 31 EyeKhala (July) 2024 – Monwabisi Khininda
Mthatha
Isikhululo sosasazo sasekuhlaleni iUnitra Comminity Radio (UCR) FM sincumise sonwabisa abantu abadala nabaphila nezinye iimeko kwiziko i-Empilweni eMthatha kwiveki ephelileyo. Oku yinxalenye yokuchitha imizuzu engamashumi amathandathu anesixhenxe (67 minutes) ngolusuku lokuzalwa kukaTata uNelson Mandela owabangumongameli wokuqala woMzantsi Afrika okhululekileyo.
UMphathi sikhululo uMzwandile Tshandu uthi bathathe isigqibo sokuzokonwabisa abantu abadala emva kokuchukunyiswa ngumphulaphuli weli jelo ohamba ngewheel chair owazolahlwa kweli ziko lusapho lwakhe. “Sicinge ukuba masizochitha usuku lonke nabantu abalapha sibonwabise.Sizibuse ukuba bangaphi abafana naye abangakrotywayo zintsapho zabo. Kunyaka ozayo sizokhetha elinye iziko siyokonwabisa senze umahluko,” kutsho uThsandu.
Ilungu lebhidi yaseMpilweni uGqirha Beja uthi eli ziko elasungulwa ngo-1985 ligcine abantu abalikhulu namashumi amahlanu (150). “Empilweni liziko eligcina abantu abohlukeneyo. Lijongene nokunqongophala kwenkxaso-mali efakwa lisebe loPhuhliso lweNtlalo ingonelanga. Ukhuthaze abantu ukuba bafake isandla ukulihlangula nanjengoko lityatyulwa lityala lombane eliqabela kwi-R30000 ngenyanga loo gama amanzi nawo engena nzulu epokothweni.
USodolophu waseKing Sabata Dalindyebo uNyaniso Nelani uthembise ngokubamba intlanganiso nebhodi elawula eli ziko ukukhangela amaqhinga okulihlangula kunye nokusabela kwizikhalazo eziquka ukucinywa kombane, ityala lamanzi eliphezulu nezinye.

