EducationLocalNews

Isikolo sodidi kuGatyane

26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024

Monwabisi Khininda 

UMphathiswa wesebe lezeMfundo eMpuma Kapa uFundile Gade uzakusivula ngokusesikweni isikolo samabanga aphantsi iPhathilizwe Junior Secondary School kwaSongwevu, kuGatyane. Esi sikolo sikumgangatho okwizinga eliphezulu ngokwendlela esakhiwe ngayo kwaye kusetyenziswe ubuxhaka-xhaka banamhlanje ngenjongo zokuphucula imfundo esisiseko kwezenzululwazi nobuchwephetshe.

Ulwakhiwo luxabise i-R118 yezigidi sibubungqina bokuba urhulumente uzimisele ukuphucula imfundo engundoqo kwintlalo yoluntu. I-Phathisizwe eyasekwa ngonyaka we-1981 sesinye sezikolo esinembali etyebileyo. Okwangoku sinabantwana abangama -156 kodwa ngoku sizokwazi ukuginya umthambo wabantwana abaliwaka namakhulu amabini (1200).

Ukuphuculwa kwaso kubenegalelo ekufakweni kweLebhu yekhompyutha,amagumbi amakhulu wokufundela,iindawo zokutyela,neendawo zokuphumla, amatanki wamanzi aliqela,iiofisi ezisemgangathweni, iindawo zokulala kubantwana abanezidingo ezingxamisekileyo nokhuseleko oluluqilima njalo-njalo. Abahlali balendawo baye bawelwa ngumqa esandleni nanjengoko kuye kwavuleleka amathuba emisebenzi kubantu abangakhulu amahlanu anamashumi amathathu anesibhozo,kuquka amanina angamashumi asixhenxe anesine, kunye nabantu abatsha abangamakhulu amabini anamashumi amane anesine.

Le projekthi iqale ngomnyaka wama-2020 kwinyanga yeSilimela ukuya kwinyanga yeKhala kulo umiyo. Iprojekthi ixhaswe ngabenkonzo yemali i-DBSA (Development Bank of Southern Africa.