Crime & SafetyNews

UZwelibanzi ubhodla amadangatye yiprotection fee 

29 EyeThupha (Aug) 2024 – 11 EyoMsintsi (Sept) 2024

Monwabisi Khininda

IKumkani yesizwe sabaThembu uKumkani Zwelibanzi Dalindyebo kwiveki ephelileyo utyelele isikolo samabanga aphantsi iLaphumikhwezi eMandela Park kwiNtshona yoMthatha. IKumkani ibikhwebe le ntlanganiso ngenjongo zokulwa umkhuba wokuvalwa kwesi sikolo ngezityholo zokunyanzeliswa ukuhlawulwa kwemali yeprotection fee. Kuvakala ukuba esi sikolo siye savalwa ngoLwesibini kwiveki ephelileyo. Siyinxalenye yezikolo ezine ezivaliweyo kulo mmandla, ngokwengxelo yesebe lezeMfundo ephondweni.

UKumkani Buyelekhaya Zwelibanzi uthe: “Abantu mabohlukane nokukhupha iprotection fee ebantwini abangabaziyo kwaye ayikho semthethweni loo nto.Andihambisani nalonto yokuhlala kabahlungu kwabantu besoyika bengcungcutheka.” Umzali nokwangumhlali uthe beva kabuhlungu kwaye bothukile.Uthi abantwana babuye esikolweni besithi kubethwe ititshala ngoonqevu.

UBrigadier Mzuvukile Ntandane ongusekela Mkomishinala wamapolisa e-O.R Tambo uthe: “Siyaqinisekisa ukuba siyalwa nezaphuli mthetho kwaye sele beyalelwe ibheyile abathe babanjwa ngalomba weprotection fee kuquka ababanjelwe into yaseEfata.

UKumkani Zwelibanzi uphethe ngelithi ngosokusa abantwana nootitshala mababuyele esikolweni.Ngokwenene ziye zavulwa izikolo abantwana nootitshala baqhubeka nemfundo. UZwelibanzi waqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela.