NewsSports

Wonwabile uWelcome Ncitha kukubona unyuka umgangatho weBoxing

28 EyoMsintsi 2023 – Yonela Mpaka

MPUMA KOLONI

Owayesakuba yimbethi manqindi, uWelcome Ncitha onguMongaweli weSouth African Boxing Federation eMpuma Koloni, uchulumancile kubona umngangatho obuphezulu weembethi ebezisilwa kwitumente yamanqindi ebisindlekwe eMnquma ngemini yamafa namagugi wesizwe (heritage day).

Iimbethi manqindi ezisakhasayo ebeziphume kwiingingqi ezahlukeneyo kwiphondo laseMpuma Koloni beziyinxalenye yetumente ebizwa Welcome Ncitha Rising Stars Boxing Championships.

Ziimbethi manqindi ezingaphaya kwamakhulu amathathu (300) ebezixhimfana kule tumente ibibanjelwe eButterworth Training College eGcuwa, uqala ngoLwesihlanu uyokuma ngosuku lwangeCawe.

Uninzi lweembethi ebezikhuphisana bezingaphantsi kweeminyaka elishumi elinesixhenxe (17)kodwa ziye zawuphakamisa umngangatho ngongatho weemilo ngokungathi bekusilwa ooxholovane.

“Siyi South African Boxing Federation sonwabe kakhulu ngendlela iimilo eqhuba ngayo kule tumente kwaye zonke iimbethi manqindi bezizimisele kuquka nezo zingamantombazana,” kutsho uNcitha.

Uthe umngangatho wetumente ubuxhomile kwaye iimbethi manqindi zaseMnquma nazo zizibonakalisile kule midlalo khange ziziyekele.

Iimbethi manqindi ezingaphaya kwamashumi amane ezithe zaphumelela kwimidlalo yamanqam (gold medalists) ngexesha kuqhuba itumente zithe zazibeka ethubeni lokuba ziyolwa kwimilo kazwelonke ekulindeleke ukuba isindlekwe yiSouth African Boxing Federation kunyaka ozayo.

Kwelo nani zikhona iimbethi manqindi ezingaphaya kwesihlanu zaseMnquma ezizakuba yinxalenye yalo tumente kazwelonke kunyaka ozayo.

UNcitha uthe injongo yokusindleka ezi tumente kungokuba bafuna ubanegalelo kuphuhliso lweembethi manqindi ezisakhayo.

Uthe wonke amaphondo kukhona abo babesakuba ziimbethi manqindi kwaye baququzelela ezi tumente ngokuthunywa yiSouth Africa Boxing Federation.

Lilonke uthe bona bengamangqala emanqindini batyala amava wabo kwezi mbethi manqindi zisaze ngobuso elizweni.

UAviwe Ngcukana (17) oyimbethi manqindi yaseQonce oye waphumelela imbasa yegolide kule tumente, uye wavakalisa uchulumanco njengokuba ezibeke kwithuba lokuba ayokulwa kwitumente eza kusindlekwa kunyaka ozayo.

“Ndivuya kakhulu kuphumelela imilo yam apha kwaye ndawina nembasa yegolide emva kokuba ndiwine umdlalo wamanqama, ndicinga yonke lonto miyandikhuthaza emanqindini,” kutsho uNgcukana.

Uthe akakagqibi neenyanga ezilishumi elinesibini ezimanye nomdlalo wamnqindi kodwa sele ezibeke ethubeni lokulwa kwitumente eza kusindlekwa kuzwelonke kunyaka ozayo.

Le dyongwana yaseQonce ithe izakuqhubeka izinikele kumdlalo wamanqindi kude kufezekiseke iphupha layo lokuba yintshantsheli ngenye imini kumdlalo wamanqindi.