EducationNews

Abafundi kwesi sikolo sasemaphandleni banotitshala omnye kwaye abanazo izindlu zangasese

10 EyeDwarha (Oct) 2024 – 23 EyeDwarha (Oct) 2024

Abafundi baseGcina Senior Prayimari KwaGcina, eCofimvaba bazikhulula kwindawo evulekileyo ngexesha lesikolo

  • Abafundi baseGcina Senior Primary KwaGcina, eCofimvaba eMpuma Koloni bazikhulula emabaleni ngenxa yokuba isikolo sabo asinazindlu zangasese.
  • Isikolo esinabafundi abangama-27 ukusuka kwiBakala R ukuya kwiBakala 6 sinotitshala omnye kuphela.
  • Abantwana abancinci kuya kufuneka bawele umlambo oyingozi ukuba baya kwesinye isikolo, abazali batsho.
  • Isebe lezemfundo lephondo laqesha ikontraka ukuba yakhe izindlu zangasese ngo-2022, kodwa inkampani yasishiya isiza.

Abafundi baseGcina Senior Primary KwaGcina, eCofimvaba bazikhulula kwindawo evulekileyo kuba isikolo sabo asinazindlu zangasese. Esi sikolo sikwanengxaki yokunqongophala kootitshala.

Ngokutsho kwabazali, esi sikolo saqala ukwakhiwa ngodaka ngabahlali belali ngeminyaka yoo-1980. Ngaphambi koko, uninzi lwabantwana baKwaGcina kwakufuneka balinde bade babe mdala ngokwaneleyo ukuba bawele umlambo ukuze bafunde kwisikolo samabanga aphantsi esikumgama oziikhilomitha ezintathu.

Kwiinyanga zemvula, umlambo unokuba yingozi, abazali bathi.

Usihlalo webhodi elawula isikolo uNowelcome Mgqebisa uxelele iGroundUp ukuba uphakathi kwabahlali belali abangakwazanga ukuya esikolweni kwaye bebefuna ukuqinisekisa ukuba abantwana babo bayalifumana ithuba.

“Phambi kokuba sivulwe esi sikolo, kwanyanzeleka ukuba abantwana balinde de babe neminyaka eyi-15 ukuze baqalise ukufunda. Abanye bethu bagqibele bengasayi tu esikolweni,” utshilo.

Uthe xa besakha esi sikolo, umzi ngamnye wanikela ngento enako yokufaka iifestile nophahla. Emva kweminyaka, iSebe lezeMfundo leMpuma Koloni lanikezela ngezakhiwo ezisele zilungiselelwe. UMgqebisa uthi abafundi nootitshala baqale basebenzisa izindlu zangasese ezinemingxuma ezakhiwe ngabazali, kodwa zaguga kwanyanzeleka zitshatyalaliswe.

Kuthe kwiminyaka emibini edlulileyo, abazali bathi, isebe lagqiba ekubeni liqeshe ikontraka yokwakha izindlu zangasese kwesi sikolo. Kodwa bathi unokontraka wayekwisiza iintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba ayishiye le projekthi.

Omnye umba, uMgqebisa uthe, sithetha nje esi sikolo sinotitshala omnye kuphela nenqununu, kodwa inqununu ikwikhefu ukusukela ngo-Okthobha 2021. Esi sikolo sithetha nje sinabafundi abayi-27 kwaye silungiselela iBakala R ukuya kwelesithandathu.

“Esi ibikade isesona sikolo samabanga aphantsi esinootitshala abaninzi. Izinto zatshintsha ngo-2019 okanye ngo-2020, xa kwaqeshwa inqununu entsha yesikolo. Oku kwakhokelela kwiingxabano phakathi kwabasebenzi. Sacela isebe ukuba lingenelele kwaye uninzi lootitshala batshintshelwa kwezinye izikolo, laqala lehla inani labafundi,” utshilo uMgqebisa.

Uthe izinto zaba mandundu ngo-Okthobha ka-2021 xa kwabakho ingxabano phakathi kwenqununu nomnye wabasebenzi basekhitshini.

Umzali uThanduxolo Mfeketho uthe izicelo zabo zokuba kwandiswe abafundisi-ntsapho kwesi sikolo ziwele ezindlebeni ezingevayo. “Urhulumente wethu urhuqa iinyawo xa kuthethwa ngabantu abahlala ezilalini,” utshilo uMfeketho.

Isithethi sesebe lezemfundo uMalibongwe Mtima uthembise ngokuphanda ngesizathu sokuba lo kontraka esishiyile esi siza. Uthe isebe lijongene nogayo kwaye ulindele ukuba omnye utishala angene kwesi sikolo xa kuqala ikota entsha kule veki.

Ngoku abafundi kufuneka bawele indlela ukuya kwindawo evulekileyo rhoqo xa befuna ukuzikhulula.