Kraaifontein

OnoNtlalontle baseKraaifontein (Child Walfare) bacela ukukhangeliswa umzaliwomntwana. 

Kraaifontein 

NguNtsikelelo Jonga

Bacula uncedo lokukhangeliswa umzali womntwana ooNontlalontle baseKraaifontein (child welfare). Igama lomzali nguMama Lucia Sangoni kwaye kuvakala ukuba, okwanye waziwa ehlala eRobertson, kodwa ke kwindawo engaziwayo lusapho lwakhe. Umntwana yena uphantsi kokhathalelo lukaMakhulu wakhe. Umntwana lo kudingeka ukuba enzelwe isazisi sobumi beli (ID DOCUMENTS), kodwa kungoku nje kunzima ukuba asenzelwe isazisi Kuba uMama wakhe akafumaneki. 

UNontlalontle uNksn Mavis Nkathazo uthi kuye nabani onokuthi about uyamazi uMama lo womntwana apho akhoyo, okanye othe wambona ancede atsalele yena umnxeba kule nombolo: 021 300 6858 afune uNontlalontle uMavis Nkathazo.

Oonontlalontle bakwachaza ngenjongo yokwazisa uluntu ngendawo apho bafumaneka khona nanjengoko becingela ukuba kusenokuthi kanti abanye abantu ababazi apho basebenzela khona nanjengoko iindawo ebebekade besebenzela kuzo bazitshintshayo. Enye yezo ndawo neyayizinze kwisakhiwo esikwidolophu yaseKraaifontein yathi yaba nokuqhekezwa amatyeli nokokuba iinkonzo zaba ziquka ukunakekela, kwanokukhusela ubomi babantwana ekuphakathi kwabo ababangamaxhoba okulahlwa ngabazali babo, nabaphatheka gadalala phantsi kweemeko ezahlukeneyo.

Idilesi yalapho basebenzela khona ngoku yi:No 15635 Sam Njokozela Street, Bloekombos,kraaifontein. 

Email address: info@cwsakraaifontein.org.za

Emfanekisweni sibona ooNontlalontle base kraaifontein(Child Walfare)