Kubhubhe babane kudubulwano namapolisa
10 EyeDwarha (Oct) 2024 – 23 EyeDwarha (Oct) 2024
Monwabisi Khininda
Kusuku langoLwesithathu amapolisa ecandelo i-TRT (Tactical Response Team) aseMonti naseMdantsane achwechwe ayokutsho kwindawo yaseShoxa kwilali iMarikana kuQoboqobo, nalapho ebekhangela abatyholwa ngokubanemipu engekho mthethweni.
Ngokwengxelo kaLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa ekufukeni kwawo amapolisa asokole ukungena kwindawo enabarhanelwa bazamile ukuphuma ngamakroba asitheleyo bebaleka kodwa bavingcelwa ngamapolisa. Bakubona oonqevu ukuba bavingcelwe ngamapolisa bazame ukuvula indlela ngeembumbulu kanti abalazanga eliwinayo.Amapolisa aphendule ngeyawo imipu kwabhubha abane kwalimala wamnye. Ukugcino lwamapolisa esibhedlele.
Amapolisa afumene imoto eluhlobo lweToyota Hilux kunye neCorsa nekukholeleka ukuba zebiwe kunye nemipu emithathu engekho mthethweni. Ababhubhileyo baphakathi kweminyaka engama-29 nama-40 amagama wabo aseindaba yakwamkhozi. “Amapolisa azohlala ezithendeni zezigilamkhuba ukuqinisekisa ukuba uluntu lukhuselekile kwezi zikrelemnqa. Ndibamaba ngazo zozibini kwi-TRT ngomsebenzi omhle,ndibulela nokuba akukho nelinye ipolisa elilimeleyo,” kutsho uLt. Gen. Nomthetheli Mene oSisithethi samapolisa eMpuma Kapa.
