Uncategorized

Abapapashi abantsundu bakhala ngokungaxhaswa

24 EyeDwarha (Oct) 2024 – 07 EyeNkanga (Nov) 2024

Monwabisi Khininda

Kwintlanganiso yabapapashi bamaphephandaba asekuhlaleni nabaphinda babengabahleli kuvakele isimbonono sesikhalo sokungaxhaswa kwalamaphephandaba ngurhulumente. Le ntlanganiso ebibanjelwe kumzi wakwa Daily Dispatch eBeacon Bay eMonti ivulwe ngomyalezo okhuthazayo osuka kuAnetta Mangxaba ongusihlalo we-AIP (Association of Independent Publishers ) kuzwelonke. Le ntlanganiso ibizinyaswe nabubukho bosekela mlawuli kwa-GCIS ephondweni uKgomotso Lebenya, UGqirha Kate Skinner ongumlawuli we-AIP kuzwelonke uthe le ntlanganiso ilungiselela intlanganiso wonyaka (AGM) ezobanjwa ngobuchwephesha bezonxibelelwano (Webinnar) kuba le ntlangano yabapapashi ayinamali yokusingatha intlanganiso.

Abahleli bavakalise ukungaxhaswa ngurhulumente kwicala lokufaka iintengiso kodwa bayafuna ukuba amanqaku abo avele kulamaphephandaba. Abasebenzi beDaily Dispatch baye baxhobisa abahleli ngeendlela zokukhulisa amashishini abo ngokuthi basebenzi ezinye iindlela zalemihla ukuze bafumane inkxaso kurhulumente. Abona masipala bahamba phambili ekunyevuleleni la maphephandaba sisithili sase-O.R Tambo nomasipala wasekuhlaleni waseKing Sabata Dalindyebo. Esi simbonono sivele kuMonwabisi Khininda we-Ikhwezi News, Simbongile Mdledle we-Eastern Cape Voice noPamela Timakwe we-Eastern Cape Women’s Magazine.