Abanjiwe amadoda amane awabulala abantu eLusikisiki
24 EyeDwarha (Oct) 2024 – 07 EyeNkanga (Nov) 2024
Ukuvezwa kweembuso, kumakhasi onxibelelwano, zamadoda amane abefunwa ngamapolisa mayela netyala lokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo eNgobozana eLusikisiki kuwancedile amapolisa ukuze babanjwe bobane abasolwa. Isithathu sinqakulwe savalelwa kwindawo yaseMkholwane ePort Shepstone KwaZulu-Natal, kwintsasa yangoLwesine waze omnye wabanjwa eGqeberha eMpuma Kapa kwiveki ephelileyo.
Amagama aba achazwe ngamapolisa njengo-Songezo “Mashiya” Vuma (20), Bonga “Rico” Hintsa (31), Aphiwe “AP” Ndende (31), kunye noLwando Anthony “Abi” Shakes (30).
Ukanti umsolwa wokuqala kweli tyala uSiphosoxolo Myekethe (45) kwiveki ephelileyo usirhoxisile isicelo sebheyile xa ebevele kwinkundla kaMantyi eLusikisiki kwiveki ephelileyo. UMyekethe ungaphandle ngengqawule emva kokudontsa iminyaka kwisigwebo sokubulala ipolisa. Uke wagwetyelwa ukuqhwesha ejele. Ityala limiselwe umhla we-26 kweyeNkanga.

