Kukrokrelwa ubugewu ekutsheni kwevenkile eMthatha
08 kuTshazimpuzi (Apr) 2024 – Monwabisi Khininda
Kusolwa ukuba ngoonqevu abatshisa iivenkile kwidolophu yaseMthatha. Ngentseni yangogqibelo kutshe iChina Mall ekwisitalato iYork Road kumbindi wedolophu yaseMthatha. Umonakalo uqikelelwa kwizigidi zerendi. Umlilo uqale kwivenkile iChina Mall wachapahzela ivenkile yeempahla yakwaDunns, isakhiwo samapolisa aseMadeira nesakhiwo i-ECDA (Eastern Cape Development Agency). Kwesi sakhiwo sezoshishini kutshe imigangatho emihlanu icala lesi sakhiwo.
Omnye wosomashishini ongafunanga lithiwe pahaha uthe bengosomashishini baphila phantsi koloyiko lokuphulukana namashishini wabo kuba oonqevu bakutsalela umnxeba bathi bhatala imali yokukhusela iivenkile yakho (protection fee). “Ukuba awuyihlawuli le mali iyaqhekezwa okanye itshiswe. Kukhe kwavakala ukuba iigaraji ezimbini zide zavalwa ngenxa yale mali enyanzeliswa yimigulukudu.”
Le venkile ilandela enye ebitshe kwinyanga ephelileyo iHappy Home Makers ekumazantsi edolophi.Kuzo zonke ezi ziganeko unobangela womlilo awaziwa. Phambi koko kunyaka ophelileyo kwatsha ikhemesti endala yaseMthatha iMthatha Pharmacy.IHotele eyayitshe kwiminyaka emibini edluleyo iSavoy eseSutherland street yakhiwa ngokutsha.
Lo somashishini ongafuni kwaziwa ngokoyikisela ubomi bakhe uveze ukuba amashishini amaninzi atshayo ngawabemi bangaphandle. “Isimanga sento sesokuba iivenkile zamaGrike azichatshazelwa nayenye kwezi sendizichazile.”
